Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 32

32
1KEKALOKU abantu bakubona ukuba u‐Mosesi uyalibala ukuhla entabeni, baza abantu bahlanganisana ngaku‐Arone, bati kuye: Suka, usenzele otixo, abaya kuhamba pambi kwetu; ngokuba u‐Mosesi lowo, londoda eyasinyusayo ezweni le‐Jipete, singamazi ukuba uhliwe yinto nina. 2Wati u‐Arone kubo: Kumlani amacici egolide asezindlebeni zabafazi benu, nakwezonyana benu, nakwezentombi zenu, niwazise kum. 3Baza bonke abantu bawakumla amacici egolide abesezindlebeni zabo, bawazisa ku‐Arone. 4Wayamkela ke esandleni sabo, wayiyila ngento yokuqoqa, wayenza itole elityityishiweyo. Baza bati: Aba bangotixo bako, Sirayeli! abakunyusileyo ezweni le‐Jipete. 5Wati u‐Arone akulibona, waka isibingelo ebusweni balo; waza wadanduluka u‐Arone, wati: Ngomso kuya kubako umtendeleko kuyehova. 6Baza bavuka kusasa ngomnye umhla, banikela amadini okutshiswa, basondeza neminikelo yoxolo; bahlala pantsi ke abantu badle basele nokusela, bandula ukusuka badlale.
7Wada wateta uyehova ku‐Mosesi, ngokuti: Hamba, uhle; ngokuba abantu bako, abo ububanyusa elizweni le‐Jipete, sebezonakalisile: 8bapambukile kamsinya endleleni endibe ndibayalele yona; bazenzele itole elityityishiweyo, bazitobile pambi kwalo, balibingele, bati: Aba bangotixo bako, Sirayeli! abakunyusileyo ezweni le‐Jipete. 9Wati kanjako uyehova ku‐Mosesi: Ndibabonile abantu aba; kekaloku, bona ke, bangabantu abantamo ilukuni. 10Ngako kaloku ndiyeke, uze umsindo wam uvute ngakubo, ndide ndibagqibele: ndandiya kwenza wena ube sisizwe esikulu.
11Kodwa u‐Mosesi wambongoza uyehova, utixo wake, wati: Kunganina, Yehova! ukuba kuvute umsindo wako ngasebantwini bako, obakupileyo ezweni le‐Jipete, ngamandla amakulu, nangesandla esomeleleyo? 12Kunganina ukuba ama‐Jipete atsho ukuti: Kungenxa yobubi abakupileyo, ukuba ababulale ezintabeni, nokuba abagqibele ebusweni bomhlaba? Buya ebushushwini bengqumbo yako, ube nosizi pezu kwobububi ngakubo abantu bako. 13Kumbula ngo‐Abrahame, ngo‐Yisake, nango‐Sirayeli, izicaka zako, owabubafungela ngokwako, wateta kubo ngokuti: Ndiya kwandisa inzalo yenu ibe njengenkwenkwezi zezulu, nalo lonke elilizwe enditetile ngalo, ndolinika kwinzalo yenu, ize ilidle ilifa lalo kude kube ngunapakade. 14Waza wanosizi uyehova pezu kwobububi wabete uya kubenza ebantwini bake.
15Wajika u‐Mosesi wehla entabeni, enawo amacwecwe amabini esinqi̔no esandleni sake; bekuba̔liwe emacwecweni ngamacala omabini; kwaba̔lwa kuwo ngelinye icala nangelinye. 16Lamacwecwe ebengumsebenzi katixo, nokuba̔la kwakukuba̔la kukatixo, kuqoqiwe emacwecweni. 17Xeshekweni u‐Yoshuwa weva ingxokozelo yabantu ekumemezeni kwabo, wati ku‐Mosesi: Kuko ingxokozelo yokulwa emnqubeni. 18Koko wati: Asi lilo ilizwi lesidanduluko sokweyisa, asi lilo nelizwi lesikalo sokucitwa; lilizwi lokucula endilivayo mna. 19Kwaza kwati, akusondela emnqubeni, wabona itole elo, nokududa; yandul’ ukuvuta ingqumbo ka‐Mosesi, owalahla amacwecwe ezandleni zake, wawaqekeza ezantzi kwentaba. 20Watabata netole ababelenzile, walitshisa emlilweni, walisila lada lacoleka, walivutululela emanzini, waza waseza usapo luka‐Sirayeli kuwo.
21Wandula wati u‐Mosesi ku‐Arone: Benze nto nina kuwe abantu aba, ukuba uzisile pezu kwabo isono esikulu kangaka? 22Wati ke u‐Arone: Maingavuti ingqumbo yenkosi yam! uyabazi ababantu wena, ukuba banxamele inkohlakalo. 23Baye besiti kum: Senzele otixo, abaya kuhamba pambi kwetu; ngokuba u‐Mosesi lowo, londoda eyasinyusayo ezweni le‐Jipete, singamazi ukuba uhliwe yinto nina. 24Ndaza ndati kubo: Osukuba enegolide, makayikumle, ayinike kum; yona ndayiposa emlilweni, kwada kwapuma itole eli.
25Wati u‐Mosesi akubona abantu ukuba bahlubulukile, (ngokuba u‐Arone ebebahlubisile babe nehlazo pakati kwabasukelayo,) 26wandula wema u‐Mosesi esangweni lomnquba, wati: Olunge kuyehova, makeze kum! Baye bebutelana ngakuye bonke abalusapo luka‐Levi. 27Waza wati kubo: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Abanye ngabanye mabafake iziṙele zabc ngasematangeni abo, badlule, babuye kwelinye isango baye kwelinye isango lomnquba, basike omnye umzalwana wake, nomnye umhlobo wake, nomnye ummelwane wake. 28Lwaye usapo luka‐Levi lwenza ngelizwi lika‐Mosesi; kwawa ke ebantwini, ngalomini, ngati angamawaka matatu amadoda. 29Ngokuba u‐Mosesi ebesiti: Zalisani izandla zenu kuyehova namhla; ngokuba umntu’eya kuba ngakuye unyana wake, nangakuye umzalwana wake; ukuze namkeliswe namhla itamsanqa.
30Kwaye kute ngomnye umhla, wati u‐Mosesi ebantwini: Nina nonile ngesono esikulu; kodwa kaloku ndonyukela kuyehova, kungati umhlaumbi ndiya kwenzela isono senu uxoliso. 31Waza u‐Mosesi wabuyela kuyehova, wati: Au! ababantu bonile ngesono esikulu, bazenzele otixo begolide. 32Nakaloku, ukuba uya kubaxolela isono sabo — ; ukuba kodwa akungebe njalo, uze undicime encwadini yako oyiba̔lileyo. 33Wandula uyehova wati ku‐Mosesi: Lowo osukuba onile ngakum, nguye endiya kumcima encwadini yam. 34Kodwa hamba kaloku, ukokele abantu kulondawo endanditeta ngayo kuwe: bona ke, ingelosi yam iya kuhamba pambi kwako; koko ngemini yokubuza kwam ndiya kusohlwayela isono sabo pezu kwabo.
35Waza uyehova wabeta abantu, ngenxa yokuba bebelenzile itole, elo walenzayo u‐Arone.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 32: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia