Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 42

42
1KEKALOKU akubona u‐Yakobi ukuba kuko inqolowa e‐Jipete, wandula wati u‐Yakobi konyana bake: Yinina ukuba nikangelane? 2Wayesiti: Bona ke, ndivile ukuba kuko inqolowa e‐Jipete; hambani nihlele kona, nisitengele kwa lapo, size sidle ubomi, singafi. 3Baza behla abakuluwe baka‐Josefe boshumi, ukuya kutenga inqolowa e‐Jipete. 4Kodwa u‐Benjamine, umninawe ka‐Josefe, akamtuma u‐Yakobi kunye nabakuluwe bake; ngokuba ebesiti: Hleze ahlelwe sisenzakalo.
5Basuka onyana baka‐Yakobi beza kutenga pakati kwabo babesiza; ngokuba indlala ibiko elizweni le‐Kanane. 6Waye u‐Josefe ebengumpati pezu kwelozwe; wanguye obetengisa kubo bonke abantu belizwe; bandula beza abakuluwe baka‐Josefe, baziqubuda pambi kwake, ubuso babo bungasemhlabeni. 7Waza u‐Josefe wabona abakuluwe bake, wabazi; kodwa wazenza owasemzini kubo, wateta nabo ngobulukuni, wati kubo: Nivela pina? Bati: Sivela ezweni le‐Kanane, ukuza kutenga ukutya. 8Kekaloku u‐Josefe ebebazi abakuluwe bake; kodwa bona bebengamazi yena. 9Waza u‐Josefe wakumbula amapupa abewapupile ngabo, wati kubo: Nizintlola; nize kubona ukuba zé kwelizwe. 10Bati kuye: Hai, nkosi yam! izicaka zako zize kutenga ukutya. 11Tina sonke singonyana bendoda nye; singabenyaniso tina; izicaka zako azizizo intlola. 12Koko wati kubo: Hai, nize kubona ukuba zé kwelizwe. 13Baza bati: Izicaka zako zingabazalwana abalishumi linababini, bengonyana bendoda nye yasezweni le‐Kanane; kekaloku bona ke, omncinane unobawo namhla, omnye kanti akaseko. 14Wandula wati u‐Josefe kubo: Kuko oko endandikuteta kuni, ndisiti: Nizintlola. 15Ngako oku niya kulingwa. Bomi bo‐Faro! aniyi kupuma kulendawo, kupela ekuzeni kwomninawe wenu omncinane apa. 16Susani abe mnye wakuni, aye kutabata umninawe wenu; nina kodwa niya kubanjwa entolongweni; aze amazwi enu alingwe, ukuba kuko inene kuni kusinina: okanye, bomi bo‐Faro! ngenyaniso nizintlola. 17Waza wababeka bonke ndawonye ekugcinweni imihla yamitatu. 18Waye u‐Josefe ngomhla wesitatu wati kubo: Kwenzeni oku, nize nidle ubomi; utixo ndimoyika nje. 19Ukuba ningabenyaniso, makabanjwe omnye wabazalwana benu endlwini yokugcinwa kwenu; nize nihambe nina, nise inqolowa ngenxa yokulamba kwezindlu zenu. 20Kodwa umninawe wenu omncinane nimzise kum; aya kwandula anyaniswe amazwi enu, naningayi kufa. Benje njalo ke. 21Baza bati omnye kwomnye: Sinetyala ngenyaniso pezu kwomninawe wetu, ekubeni sibe sibona uxinezeko lwompefumlo wake akusitaṙuzisa, kanti sasingapulapuli noko; kukona obubunzima busihleleyo. 22Wabapendula u‐Rubene, esiti: Bendingatsho na kuni ukuti: Ningamoni umfana; naye ningeva ke? Ngako, bona ke, negazi lake liyabuzwa. 23Baye bengazi ukuba u‐Josefe uyeva; ngokuba bekuko ikumsha pakati kwabo. 24Waza wajika kubo, walila; wada wabuyela kubo, wateta nabo, wasusa kubo u‐Simone, wamnxiba pambi kwamehlo abo.
25Wandula waxela u‐Josefe ukuba makuzaliswe inxowa zabo ngenqolowa, nokuba kubuyiselwe imali zabo abanye ngabanye ezinxoweni zabo, nokuba bapiwe umpako wendlela; kwaye kusenziwa njalo kubo. 26Baza batwesa amaqwaṙashe abo ngenqolowa yabo, bemka apo. 27Ute omnye, akuvula inxowa yake, ukuba anike iqwaṙashe lake ukutya endaweni yokulalisa, wabona imali yake: ngokuba, bona ke, ibisemlonyeni wenxowa yake. 28Waza wati kubazalwana bake: Imali yam ibuyisiwe; kanjalo, nantsi ikwa senxoweni yam. Kwaza kwapuma intliziyo yabo, bajikelana ngokungcangcazela, besiti: Kuyinina oku utixo akwenzileyo kuti?
29Bada beza ku‐Yakobi uyise ezweni le‐Kanane, bamshumayeza konke okubahleleyo, besiti: 30Indoda, eyinkosi yelolizwe, yateta nati ngokulukuni, yasibala ngokuba zintlola zelizwe. 31Saye sisiti kuyo: Singabo abenyaniso; asizizo intlola: 32singabazalwana abalishumi linababini, onyana bobawo wetu; omnye akaseko, nomncinane ukwa nobawo namhla ezweni le‐Kanane. 33Yaza yati kuti londoda, inkosi yelizwe: Ngako oku ndiya kukwazi ukuba ningabenyaniso: mshiyeni kum abe mnye wabazalwana benu, nitabatele ukulamba kwezindlu zenu ukutya, nihambe ke. 34Nize nimzise umninawe wenu omncinane kum; ndandiya kukwazi ukuba anizizo intlola, koko ningabo abenyaniso: umzalwana wenu ndiya kumnikela kuni, naniya kutenga elizweni.
35Kwaye kute, besakukupa ezinxoweni zabo, nanga ke amabatu emali zabo abanye ngabanye esezinxoweni zabo: baza bati, bakubona amabatu emali, kwa bona noyise wabo, banokwoyika. 36Wayesiti kubo u‐Yakobi uyise wabo: Mna ke nindihlutile abantwana bam; u‐Josefe akaseko, no‐Simone akaseko, no‐Benjamine niya kumsusa: zonke ezizinto zinzima pezu kwam. 37Waza watsho u‐Rubene kuyise ukuti: Onyana bam bobabini ubabulale, ukuba andimzisi kuwe; mnikele esandleni sam, ndandiya kumbuyisela kuwe. 38Wayesiti: Unyana wam akayi kuhla nani; ngokuba umkuluwe wake efile, waye yena esele yedwa: naxeshekweni ahlelwa sisenzakalo endleleni enihamba ngayo, niya kwandula nihlise izimvi zam ngosizi ngasencw̔abeni.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 42: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia