Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 41

41
1KWAYE kute ekupeleni kwexesha leminyaka mibini, wandula u‐Faro wapupa; kekaloku bona ke, wayemi ngasemlanjeni. 2Kanjalo bona ke, zenyuka emlanjeni imazi ezisixe̔nxe, zizintle ngokubonakala, zityebile ngenyama, ezazisitya enceni. 3Kwaza kwati, bona ke, kwenyuka emva kwazo emlanjeni apo ezinye imazi ezikwa sixe̔nxe, zizimbi ngokubonakala, zibityile ngenyama; zaya zema ngakuzo ezinye imazi elunxwemeni lwomlambo. 4Zasuka ezomazi ezimbi ngokubonakala, ezibityileyo ngenyama, zazidla imazi zosixe̔nxe ezintle ngokubonakala, ezityebileyo nokutyeba. Wandula ukuvuka u‐Faro. 5Wabuya walala, wapupa ngokwesibini: kekaloku, nazi izikwebu ezisixe̔nxe zipumile ezeleni linye, zityebile, zilungile nokulunga. 6Zaye zidubula emva kwazo izikwebu zikwa zisixe̔nxe ezinqinileyo, ezigugisiweyo ngumoya wasempumalanga. 7Zaza izikwebu zosixe̔nxe ezinqinileyo zaginya ezozikwebu zisixe̔nxe ezityebileyo, ezibonxileyo nokubonxa. Wandula ukuvuka u‐Faro; kekaloku bona ke, lipupa.
8Kwaye kute kwakusa, umoya wake wauxalile; watuma ke, wabiza zonke incibi zase‐Jipete, nazo zonke izilumko zakona; waza u‐Faro wazibalisela ipupa lake; kodwa akwabiko mntu obenokuwatyila ku‐Faro. 9Wandula wateta umpati wabancamli ku‐Faro, esiti: izono zam ndiyazikumbula namhla nje. 10U‐Faro ubequmbele izicaka zake, wandinikela ekugcinweni endlwini yenkosi yomlisela, kwa mna nompati waboji. 11Saza sapupa ipupa ngobusuku bunye, mna naye; sapupa ngabanye njengokutyilwa kwamapupa etu. 12Kwaye kuko apo nati indodana engum‐Hebere, isicaka senkosi yomlisela; saza saxela kuyo, eyasityilela amapupa etu; yatyilela omnye nomnye njengepupa lake. 13Kwaza kwati, njengoko yasityilelayo, kwaba njalo: mna yandibuyisela ebumeni bam, naye yamxo̔ma.
14Wandula watuma u‐Faro wabiza u‐Josefe; baya bamkupa ngobunxamo esihogweni; waza waguya, waguqula izivato zake, wangena ku‐Faro. 15Wayesiti u‐Faro ku‐Josefe: Ndipupile ipupa, kanti akuko mntu ongalityilayo: kendivile kodwa ngawe ukuti, uyaqonda ipupa ukulityila.
16Waza u‐Josefe wapendula ku‐Faro, esiti: Akuko kum oko. Utixo wopendula u‐Faro ngoxolo.
17Wandula wateta u‐Faro ku‐Josefe, wati: Epupeni lam, bona ke, ndema ngaselunxwemeni lwomlambo. 18Kekaloku bona ke, zenyuka emlanjeni imazi ezisixe̔nxe, zityebile ngenyama, zizintle ngesimilo, ezazisitya enceni. 19Kanjalo bona ke, ezinye imazi ezikwa sixe̔nxe zenyuka emva kwazo, zinqinile, zizimbi kakulu ngesimilo, zibityile ngenyama; endingazanga ndibone ezinjalo kulo lonke ilizwe le‐Jipete ukuba zimbi kangaka. 20Zaza ezomazi zibityileyo ezimbi zazidla ezokuqala imazi zosixe̔nxe ezityebileyo; 21ezazite, noko zingenileyo esiswini sazo, akwaziwa ukuba zingenile esiswini sazo; ngokuba ukubonakala kwazo bekukubi njengasekuqaleni. Ndandula ukuvuka. 22Ndabuya ndabona epupeni lam, kekaloku, nazi ke izikwebu ezisixe̔nxe zipumile ezeleni linye, zibonxile, zilungile nokulunga. 23Kanjalo bona ke, izikwebu ezikwa zisixe̔nxe, ezishwenyileyo, ezinqinileyo, ezigugisiweyo ngumoya wasempumalanga, zazidubula emva kwazo. 24Zaza ezizikwebu zinqinileyo zaginya ezozikwebu zisixe̔nxe ezilungileyo. Kekaloku sendizixelele incibi, kodwa akuko mntu ongandicazelayo.
25Wandula wati u‐Josefe ku‐Faro: Ipupa lika‐Faro linye: oko utixo aza kukwenza, ukushumayele ku‐Faro. 26Ezomazi zisixe̔nxe ezilungileyo ziyiminyaka ekwa sixe̔nxe, nezozikwebu zisixe̔nxe ezilungileyo ziyiminyaka ekwa sixe̔nxe; ipupa linye. 27Kanjalo ezomazi zisixe̔nxe ezibityileyo ezimbi, ezibe zinyuka emva kwazo, ziyiminyaka esixe̔nxe nazo; nezozikwebu zisixe̔nxe eziputileyo, zigugisiwe ngumoya wasempumalanga, zoba yiminyaka esixe̔nxe yendlala. 28Eli lilizwi endilitetileyo ku‐Faro: Oko utixo aza kukwenza, umbonisile u‐Faro kona. 29Bona ke, kuza kufika iminyaka isixe̔nxe yobuninzi obukolisileyo kulo lonke ilizwe le‐Jipete. 30Kwandule ukusuka iminyaka isixe̔nxe yendlala emva kwayo; bude bulityalwe bonke obobuninzi elizweni le‐Jipete; iti ke indlala igqibele ilizwe. 31Kanjalo abuyi kwaziwa ubuninzi obo elizweni, ngenxa yaleyondlala ibulandelayo; ngokuba iya kuba nzima kunene yona. 32Nokokuba ipupa lapindwa ku‐Faro kabini, kukuba iqinisiwe lendawo ngutixo, nokuba eya kunxama utixo ukuyenza. 33Makati kaloku u‐Faro afune indoda enokuqonda elumkileyo, ayimise pezu kwalo ilizwe le‐Jipete. 34Makenje njalo u‐Faro, aze ongamise abongama pezu kwelizwe, atabate esesihlanu isahlulo sokwelizwe le‐Jipete ngayo iminyaka isixe̔nxe yobuninzi. 35Mababute bona konke ukutya kwaleminyaka ilungileyo ezayo, bayibekele inqolowa ngapantsi kwesandla sika‐Faro, ibe kukutya ezixekweni, bayigcine. 36Okokutya makube yimbekelo yelizwe, ngenxa yayo iminyaka isixe̔nxe yendlala eya kubako ezweni le‐Jipete; lize ilizwe lingabubi ngendlala.
37Lalibe elozwi lilungile emehlweni ka‐Faro, nasemehlweni azo zonke izicaka zake. 38Waza wati u‐Faro ezicakeni zake: Singafumana onjengalo yinina, indoda u‐moya katixo ukuyo? 39Waye u‐Faro wati ku‐Josefe: Ekubeni utixo ekwazisile konke oku, akuko mntu ongangawe ekuqondeni nasekulumkeni. 40Woba wena upezu kwendlu yam, nangelizwi lako baya kuzilungisa bonke abantu bam; kupela eteroneni ndiya kuba mkulu kuwe.
41Walekela u‐Faro wati ku‐Josefe: Kangela, ndikumisile pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete. 42Waza u‐Faro watula umsesane wake esandleni sake, wawufaka esandleni sika‐Josefe, wamambatisa izivato zeqiya eshiceneyo, wabeka isambalo segolide entanyeni yake; 43wamkwelisa kweyesibini inqwelo abenayo; kwaza kwadandulukwa pambi kwake ngokuti: Guqa ngedolo! Wenje njalo ke ukummisa pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete. 44Wayesiti u‐Faro ku‐Josefe: Mna ke ndinguye u‐Faro; kodwa ngapandle kwako akuko mntu oya kupakamisa isandla sake nonyawo lwake kulo lonke ilizwe le‐Jipete. 45Waza u‐Faro wabiza u‐Josefe ngegama elingu‐Tsafenate‐paneha, wamnika u‐Asenate, intombi ka‐Potifera, umperisite we‐One, abe ngumfazi. Waye u‐Josefe wapumela pezu kwelizwe le‐Jipete.
46KEKALOKU u‐Josefe ebeyiminyaka imashumi matatu ubudala bake, akuma ebusweni buka‐Faro ukumkani we‐Jipete. Waza u‐Josefe wapuma ebusweni buka‐Faro, wacanda kulo lonke ilizwe le‐Jipete. 47Ute umhlaba wakolisa kuyo iminyaka isixe̔nxe yobuninzi ukuvelisa kakulu. 48Waza wabuta konke ukutya kwaleminyaka isixe̔nxe, eyabiko elizweni le‐Jipete, wakubeka ukutya ezixekweni: ukutya kwamasimi esixeko, lawo asingqongayo, wakubeka pakati kwaso. 49Waye u‐Josefe wabekela inqolowa njengentlabati yolwandle, ngento eninzi kunene, wada wayeka ukubala; ngokuba ibingenako ukubalwa.
50Kwaye kuzalwa ku‐Josefe onyana bababini, ingekatiki iminyaka yendlala, abemzalela bona u‐Asenate, intombi ka‐Potifera, umperisite we‐One. 51Waza u‐Josefe wabiza igama lowamazibulo ngo‐Manase#41:51 Oko kukuti: Olibalisayo: Ngokuba utixo, watsho, endilibalisile lwonke usizi lwam, kwa nayo yonke indlu kabawo . . 52Negama lowesibini walibiza ngo‐Frayime#41:52 Oko kukuti: Ocumileyo: Ngokuba utixo, watsho, undicumisile elizweni lokubandezelwa kwam . .
53Yada yapela lominyaka isixe̔nxe yobuninzi, obube buko elizweni le‐Jipete. 54Yandula yaqala eyendlala iminyaka esixe̔nxe ukufika, njengokuba ebetshilo u‐Josefe. Yaza yabako indlala kuwo onke amazwe; kanti kulo lonke ilizwe le‐Jipete kwakuko isonka. 55Kekaloku lakulamba lonke ilizwe le‐Jipete, bandula abantu ukukalela isonka ku‐Faro: waza wati u‐Faro kuwo onke ama‐Jipete: Hambani niye ku‐Josefe; oko akutshoyo kuni, nikwenze. 56Yaye indlala ibako pezu kwobuso bonke bomhlaba. Waza u‐Josefe wavula zonke indawo ebekubekelwe kuzo, watengisa kuma‐Jipete; ngokuba indlala ibinamandla elizweni le‐Jipete. 57Asuka amazwe onke eza e‐Jipete, ku‐Josefe, ukuza kutenga; ngokuba indlala ibinamandla emazweni onke.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 41: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia