IGENESIS 9

9
Unogumbe
1UThixo wamsikelela uNowa noonyana bakhe, wathi kubo, Qhamani, nande, nizalise ihlabathi. 2Ukoyikeka kwenu, nokuqhiphula kwenu umbilini, makube phezu kwezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, naphezu kweentaka zonke zezulu, nakwiinto zonke ezinambuzelayo emhlabeni, nakwiintlanzi zonke zolwandle; zona zinikélwe esandleni senu. 3Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukudla kuni; njengomfuno oluhlaza, ndininikile oko konke. 4Yinyama yodwa enomphefumlo wayo, enegazi layo, eningasayi kuyidla. 5Ligazi lenu lodwa, imiphefumlo yenu ke, endiya kulibiza; esandleni sezinto zonke eziphilileyo ndiya kulibiza, nasesandleni somntu; esandleni salowo ungumzalwana wakhe, ndiya kuwubiza umphefumlo womntu. 6Ophalaza igazi lomntu, igazi lakhe lophalazwa ngumntu, ngokuba umntu wênziwa ngokomfanekiselo kaThixo. 7Nina ke, qhamani nande, nilizalise ihlabathi, nande kulo.
8Watsho uThixo kuNowa, nakoonyana bakhe ndawonye naye, ukuthi, 9Yabonani, mna ndiyawumisa umnqophiso wam nani, nembewu yenu emva kwenu, 10nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho ziné, nakwizinto zonke eziphilileyo zehlabathi ezikuni; kwiinto zonke eziphume emkhombeni, ezizizinto zonke eziphilileyo zehlabathi. 11Ndiwumisé umnqophiso wam nani, ukuba ingabi sanqunyulwa yonke inyama ngamanzi onogumbe, kungabi sabakho nogumbe wokulonakalisa ihlabathi. 12Wathi uThixo, Nguwo lo umqondiso womnqophiso endiwubekayo phakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kuse kwizizukulwana zasephakadeni: 13umnyàma wam ndiwubeké efini, ukuba ube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nehlabathi. 14Kothi, ndakuwusibekelisa ngelifu umhlaba, ubonakale umnyàma lowo efini; 15ndiwukhùmbule umnqophiso wam ophakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enyameni yonke, angabi sabakho amanzi onogumbe okonakalisa inyama yonke. 16Umnyàma woba semafini ke, ndiwukhàngele, ndikhumbule umnqophiso ongunaphakade phakathi koThixo nayo yonke imiphefumlo ephilileyo, enyameni yonke esehlabathini. 17Wathi uThixo kuNowa, Nguwo lowo umqondiso womnqophiso endiwumisileyo phakathi kwam nayo yonke inyama esehlabathini.
UNowa nomdiliya
18Ke kaloku oonyana bakaNowa, ábaphuma emkhombeni, babengooShem, noHam, noYafete; uHam ke nguyise kaKanan. 19Aba bathathu ngoonyana bakaNowa; balizaza ihlabathi lonke.
20UNowa wathi, engumlimi womhlaba, waqala watyala isidiliya. 21Wasela iwayini, wanxila, wazihluba phakathi kwentente yakhe. 22UHam, uyise kaKanan, wabubona ubuzé bukayise, waxelela abakhuluwa bakhe bobabini ngaphandle. 23UShem noYafete bathabatha ingubo, bayibeka emagxeni abo bobabini, baya ngomva, babugubungela ubuzé bukayise. 24Wavuka uNowa ewayinini yakhe, wakwazi akwenzileyo unyana wakhe omnci kuye. 25Wathi,
Makaqalekiswe uKanan,
Abe sisicaka sezicaka kubazalwana bakhe.
26Wathi,
Makabongwe uYehova uThixo kaShem,
UKanan abe sisicaka kubo.
27UThixo makamvulele uYafete,
Ahlale ezintenteni zikaShem,
UKanan abe sisicaka kubo.
28Wahlala uNowa emveni konogumbe iminyaka emakhulu mathathu anamanci mahlanu. 29Yonke imihla kaNowa yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mahlanu; wafa ke.

தற்சமயம் தேர்ந்தெடுக்கப்பட்டது:

IGENESIS 9: XHO75

சிறப்புக்கூறு

பகிர்

நகல்

None

உங்கள் எல்லா சாதனங்களிலும் உங்கள் சிறப்பம்சங்கள் சேமிக்கப்பட வேண்டுமா? பதிவு செய்யவும் அல்லது உள்நுழையவும்