1
OOKUMKANI II 20:5
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Buya uye kuthi kuHezekiya, ingànga yabantu bam, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho; uyabona, ndiya kukuphilisa; ngomhla wesithathu uya kunyuka uye endlwini kaYehova
Thelekisa
Phonononga OOKUMKANI II 20:5
2
OOKUMKANI II 20:3
Khawukhumbule, ndiyakukhunga, Yehova, okokuba ndihambé phambi kwakho ngokunyanisa nangentliziyo ephelelisileyo, ndakwenza okulungileyo emehlweni akho. Wasitsho uHezekiya isililo esikhulu.
Phonononga OOKUMKANI II 20:3
3
OOKUMKANI II 20:1
Ngaloo mihla wayesifa uHezekiya, eza kufa. Waya umprofeti uIsaya, unyana ka-Amotse, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yolela; ngokuba ùya kufa wena, akuyi kuphila.
Phonononga OOKUMKANI II 20:1
4
OOKUMKANI II 20:6
ndongèze kwimihla yakho ishumi elinesihlanu leminyaka; ndikuhlàngule wena nalo mzi esandleni sokumkani waseAsiriya, ndiwukhusele lo mzi ngenxa yam, nangenxa kaDavide umkhonzi wam.
Phonononga OOKUMKANI II 20:6