Ukuba ùthe wamfuna ngenkuthalo uThixo wena,
Watarhuzisa kuSomandla;
Ukuba uthe wacoceka, wathi tye wena,
Okunene, wóvuka ngoku ngenxa yakho,
Alisikelele ikhaya lobulungisa bakho;
Kuthi ukuqala kwakho kube kuyinto encinane,
Ukuphuma kwakho kube kukhulu kakhulu.