1
UYOSHUWA 6:2
IZIBHALO EZINGCWELE
Wathi uYehova kuYoshuwa, Khangela, ndiyinikele esandleni sakho iYeriko, nokumkani wayo, namagorha anobukroti.
Thelekisa
Phonononga UYOSHUWA 6:2
2
UYOSHUWA 6:5
Kothi ke, ekoluleni ukuvuthela ngesigodlo sokuhlaba umkhosi, ekusiveni kwenu isandi sesigodlo, badume ngokuduma okukhulu bonke abantu, luwe udonga lomzi luthi bhuma, benyuke ke abantu, elowo athi ngqo malunga naye.
Phonononga UYOSHUWA 6:5
3
UYOSHUWA 6:3
Nowujikeleza umzi nonke, nina madoda okulwa, niwuzunguleze umzi isihlandlo sibe sinye; wenjenjalo imihla emithandathu.
Phonononga UYOSHUWA 6:3
4
UYOSHUWA 6:4
Ke isixhenxe sababingeleli sophatha izigodlo ezisixhenxe zokuhlaba umkhosi phambi kwetyeya. Nowujikeleza umzi ngomhla wesixhenxe izihlandlo zibe sixhenxe, ababingeleli baquphe ukuvuthela ngezigodlo.
Phonononga UYOSHUWA 6:4
5
UYOSHUWA 6:1
Ke iYeriko ibihleli ivaliwe ngenxa yoonyana bakaSirayeli; akwabakho uphumayo, akwabakho ungenayo.
Phonononga UYOSHUWA 6:1
6
UYOSHUWA 6:16
Kwathi ngesihlandlo sesixhenxe, ababingeleli ukuvuthela ngezigodlo baqupha. Wathi ke uYoshuwa ebantwini, Dumani, kuba uYehova uninikile lo mzi.
Phonononga UYOSHUWA 6:16
7
UYOSHUWA 6:17
Lo mzi woba yinto esingelwe phantsi kuYehova, wona nento yonke ekuwo; kuphela nguRahabhi ihenyukazi yedwa owodla ubomi, yena nento yonke ekuye endlwini yakhe; ngokuba wabazimeza abathunywa esabathumayo.
Phonononga UYOSHUWA 6:17
Home
Bible
Plans
Videos