1
IINDUMISO 139:14
IZIBHALO EZINGCWELE
Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; Zibalulekile izenzo zakho, Umphefumlo wam úyazi kakuhle.
Thelekisa
Phonononga IINDUMISO 139:14
2
IINDUMISO 139:23-24
Ndígocagoce, Thixo, uyàzi intliziyo yam; Ndícikide, uzàzi iingcinga-ngcinga zam; Ubòne ukuba kukho ndlela yobubi na kum, Undikhaphele kwindlela engunaphakade.
Phonononga IINDUMISO 139:23-24
3
IINDUMISO 139:13
Ngokuba wena wazibumba izintso zam, Wandibiyela esizalweni sikama.
Phonononga IINDUMISO 139:13
4
IINDUMISO 139:16
Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, Zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela; Ziyiliwe ngenxa engaphambili, Kungekabikho ke nanye kuzo.
Phonononga IINDUMISO 139:16
5
IINDUMISO 139:1
Yehova, ùndigocagocile, wandazi.
Phonononga IINDUMISO 139:1
6
IINDUMISO 139:7
Ndingahambela phi na ukumka emoyeni wakho? Ndingabalekela phi na ukumka ebusweni bakho?
Phonononga IINDUMISO 139:7
7
IINDUMISO 139:2
Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokusuka kwam; Uyaziqonda izicamango zam nakude.
Phonononga IINDUMISO 139:2
8
IINDUMISO 139:4
Ngokuba akukho lizwi elulwimini lwam Ongalaziyo ke, Yehova, kanye.
Phonononga IINDUMISO 139:4
9
IINDUMISO 139:3
Ukuhamba kwam nokulala kwam, ùyakwela; Uqhelene neendlela zam zonke.
Phonononga IINDUMISO 139:3
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo