1
ISITYHILELO 7:9
IZIBHALO EZINGCWELE
Emva koko ndabona, naso isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana, bethiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, benamasundu ezandleni zabo
Thelekisa
Phonononga ISITYHILELO 7:9
2
ISITYHILELO 7:10
bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi: Usindiso kuye uThixo wethu, Lowo uhleli phezu kwetrone, Nakuyo iMvana!
Phonononga ISITYHILELO 7:10
3
ISITYHILELO 7:17
ngokuba iMvana esesazulwini setrone iya kubalúsa, ibakhokelele emithonjeni ephilileyo yamanzi; waye uThixo eya kuzisula iinyembezi zonke emehlweni abo.
Phonononga ISITYHILELO 7:17
4
ISITYHILELO 7:15-16
Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe; nalowo uhleli phezu kwetrone uya kuba ngumnquba phezu kwabo. Abayi kuba salamba, abayi kuba sanxanwa; aliyi kubawèla nelanga, nabunye ubushushu
Phonononga ISITYHILELO 7:15-16
5
ISITYHILELO 7:3-4
Musani ukuwona umhlaba, nolwandle, nemithi, side sibatywine abakhonzi boThixo wethu emabunzini abo. Ndaliva inani labo babetywiniwe: kwatywinwa ikhulu elinamanci mané anesiné lamawaka, kuzo zonke izizwe zoonyana bakaSirayeli.
Phonononga ISITYHILELO 7:3-4
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo