1
1 KUTIMOTI 4:12
IBHAYIBHILE
Musa ukuvuma ukudelwa ngabantu ngenxa yokuba usemncinci. Yiba ngumzekelo kuwo onke amakholwa, ngentetho yakho, ngokuziphatha, ngothando, ngentembeko, nangobunyulu.
Thelekisa
Phonononga 1 KUTIMOTI 4:12
2
1 KUTIMOTI 4:8
Ewe, umthàmbo owenzelwa ukolula amalungu omzimba unendawo yawo. Kodwa ke uphelele apho. Kanti kona ukukhonza uThixo kunenzuzo egqithileyo, kuba akuthembisi bomi balapha kuphela, kuthembisa nobelizayo.
Phonononga 1 KUTIMOTI 4:8
3
1 KUTIMOTI 4:16
Yinyamekele into oyenzayo, uyinyamekele nemfundiso yakho. Yithi rhoqo uyigcine le miyalelo, ukuze ngokwenjenjalo usinde, usindise nabo bakuphulaphulayo.
Phonononga 1 KUTIMOTI 4:16
4
1 KUTIMOTI 4:1
UMoya uxela ngokucacileyo ukuba kumaxesha ezayo abanye abantu baya kululahla ukholo, balandele imimoya yenkohliso, bathobele iimfundiso zeendimoni.
Phonononga 1 KUTIMOTI 4:1
5
1 KUTIMOTI 4:7
Wena uze uchasele kude lee kwezo ntsomi zifanele ukwenziwa ngamaxhegokazi. Hlala uzilungiselela inkonzo kaThixo.
Phonononga 1 KUTIMOTI 4:7
6
1 KUTIMOTI 4:13
Hlala ubafundela *iziBhalo, ushumayela, ufundisa, ndide ndifike apho.
Phonononga 1 KUTIMOTI 4:13
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo