1
2 KWABASEKORINTE 11:14-15
IBHAYIBHILE
Ayimangalisi loo nto, kuba noSathana ngokwakhe uzenza akhangeleke ngathi sisithunywa sokukhanya. Ngoko ke yinto elula ukuba izicaka zakhe zizenze zikhangeleke njengezicaka zikaThixo. Kodwa ke baya kuvuna loo nto bayihlwayeleyo.
Thelekisa
Phonononga 2 KWABASEKORINTE 11:14-15
2
2 KWABASEKORINTE 11:3
Kambe ndinoloyiko hleze iingqondo zenu ziwexuleke, nikutyeshele ukuzondelela uKrestu, kanye ngalaa ndlela uEfa walukuhlwa ngayo bubuqhetseba benyoka.
Phonononga 2 KWABASEKORINTE 11:3
3
2 KWABASEKORINTE 11:30
Xa kuyimfuneko ukuba ndiqhayise, ndiya kuqhayisa ngezo zinto zibonakalisa ubuthathaka bam.
Phonononga 2 KWABASEKORINTE 11:30
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo