1
2 KASAMWELI 18:33
IBHAYIBHILE
Ukumkani waba nengevane, wenyuka waya kwigumbi eliphezu kwesango, wafika walila. Wayehamba elila, esithi: “Yini umntwana wam! Awu, nyana wam Abhasalom, nyana wam Abhasalom! Akwaba ibindim ofileyo, Abhasalom, nyana wam, nyana wam!”
Thelekisa
Phonononga 2 KASAMWELI 18:33
2
2 KASAMWELI 18:9-10
UAbhasalom wagaxeleka phakathi kweqela lamadoda kaDavide. Wayekhwele embongolweni. Kuthe xa ithubeleza ngaphantsi kom-oki omkhulu, wabambeka ngentloko kuloo masebe omthi. Yabaleka yemka imbongolo, wasala yena ejinga emoyeni. Wabonwa ngumfo othile owaxelela uJowabhi wathi: “UAbhasalom ndimbone ejinga emthini wom-oki.”
Phonononga 2 KASAMWELI 18:9-10
Home
Bible
Plans
Videos