Ewe, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:
“Kuza imihla ekuya kuthi kusavunwa kube sekulinywa kwakhona,
kuthi isatyalwa imbewu yediliya kube sekuxovulwa.
Ewe, iintaba ziya kuvuzisa incindi yeediliya,
iinduli zitsho zinyibilike.
Ndiya kubabuyisa ekuthinjweni abantu bam amaSirayeli,
bawavuse amanxiwa ezixeko zabo, bahlale kuzo,
balime izidiliya, basele iwayini yazo,
balime izitiya, badle iziqhamo zazo.