1
KUMAHEBHERE 10:25
IBHAYIBHILE
Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.
Thelekisa
Phonononga KUMAHEBHERE 10:25
2
KUMAHEBHERE 10:24
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle.
Phonononga KUMAHEBHERE 10:24
3
KUMAHEBHERE 10:23
Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.
Phonononga KUMAHEBHERE 10:23
4
KUMAHEBHERE 10:36
Kaloku kufuneka nibe nomonde, ukuze niphumelele ukwenza ukuthanda kukaThixo, nisizuze nesithembiso sakhe.
Phonononga KUMAHEBHERE 10:36
5
KUMAHEBHERE 10:22
Ngoko ke masisondele sinyanisekile kuThixo, siqinisekile ngokholo, izazela zethu ezinobutyala zihlanjululwe, ngokunjalo nemizimba yethu ihlanjwe ngamanzi amsulwa.
Phonononga KUMAHEBHERE 10:22
6
KUMAHEBHERE 10:35
Ngoko ke sanukutyhafa, kuba nilindelwe ngumvuzo omkhulu.
Phonononga KUMAHEBHERE 10:35
7
KUMAHEBHERE 10:26-27
Kaloku xa singayeki ukona ngabom nangoku sesiyazi inyaniso, akusekho dini lingázisusayo izono zethu. Into elindelekileyo ngumgwebo orhwaqelisayo nomlilo olenyayo oza kutshabalalisa abo bamchasayo uThixo.
Phonononga KUMAHEBHERE 10:26-27
Home
Bible
Plans
Videos