1
UISAYA 11:2-3
IBHAYIBHILE
UMoya *kaNdikhoyo uya kubutha kuye, amambathise ngobulumko nokuqonda, atsho abe ligorha elimacebo, abe nokumazi amhlonele uNdikhoyo. Uya kukulangazelela ukuthobela uNdikhoyo; umfo ongagwebi ngembonakalo, umfo ongenguye uthoba-sikutyele.
Thelekisa
Phonononga UISAYA 11:2-3
2
UISAYA 11:1
Kwisiphunzi sikaJese kuya kuntshula ihlumelo; kumnombo wakhe kosuka kuthi thaphu isebe. Elo sebe ke lothwala iziqhamo.
Phonononga UISAYA 11:1
3
UISAYA 11:4
Uya kuyilungelelanisa imicimbi yabahlelelekileyo; abazelelele abaxakekileyo kulo mhlaba. Uya kuthetha ngezwi, lohlwaywe eli lizwe, afuthe batsho bagileke abakhohlakeleyo.
Phonononga UISAYA 11:4
4
UISAYA 11:5
Yena uya kubhinqa ngobulungisa, aze azithandele ngokunyaniseka.
Phonononga UISAYA 11:5
5
UISAYA 11:9
EZiyon, intaba ekhethekileyo, akusayi kubakho owonayo notshabalalisayo; njengolwandle lwambathiswe ngamanzi, ehlabathini uNdikhoyo uya kwaziwa jikelele.
Phonononga UISAYA 11:9
6
UISAYA 11:6
Itakane legusha lobutha ndawonye nengcuka, itakane lebhokhwe liphumle kunye nehlosi. Amathole eenkomo naweengonyama aya kuvana; ewe, wona aya kwaluswa nangumntwana.
Phonononga UISAYA 11:6
7
UISAYA 11:10
Ke kaloku ngaloo mihla lowo ungumnombo kaJese uya kuba yimbasa yezizwe. Zona ziya kuqokelelana kuye komkhulu, lize ibhotwe lakhe libe nendili.
Phonononga UISAYA 11:10
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo