1
UISAYA 30:21
IBHAYIBHILE
Niya kuthi nakuphambuka abe selekhona; nimve esithi: “Yizani, nants' indlela.”
Thelekisa
Phonononga UISAYA 30:21
2
UISAYA 30:18
Kambe ke uNdikhoyo usanilindele, usazungula ukunibabala ngesisa. Kaloku yena nguThixo ongajika-jikiyo; hayi ithamsanqa labo bakholosa ngaye!
Phonononga UISAYA 30:18
3
UISAYA 30:15
Utsho uMhlekazi uNdikhoyo, nditsho uYedwa kaSirayeli, uthi: “Nosinda ngenguquko nokuzinikezela kum; amandla enu kukuzola nokuthembela kum. Phi ke, nisala nje!
Phonononga UISAYA 30:15
4
UISAYA 30:20
Nangona uMhlekazi eya kuniyekela ngamaxesha enkxwaleko, kodwa nguye ngokwakhe oya kunithundeza; niya kumqonda lowo uya kunifundisa.
Phonononga UISAYA 30:20
5
UISAYA 30:19
Ewe, nina bemi baseJerusalem, anisayi kuphinda nilile. Kaloku *uNdikhoyo unenceba; ngoko ke nothi nakuzibika kuye asabele.
Phonononga UISAYA 30:19
6
UISAYA 30:1
*UNdikhoyo uthethe wenjenje: “Libhek' umoya kusapho olunenkani, abo benza izigqibo ngaphandle kwam, abenza izivumelwano ngaphandle kwam; izono zabo ziyelekelana.
Phonononga UISAYA 30:1
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo