1
KWABASEFILIPI 1:6
IBHAYIBHILE
Yaye ndiqinisekile ngale ndawo yokuba lo msebenzi mhle awuqalileyo uThixo kuni, uya kude awuqabelise ngeMini kaKrestu uYesu.
Thelekisa
Phonononga KWABASEFILIPI 1:6
2
KWABASEFILIPI 1:9-10
Umthandazo wam kukuba ze niye nikhula ngokukhula eluthandweni naselwazini oluphangaleleyo, nibe nombono onzulu, ukuze nibe nokukwazi ukuzicalu-calula izinto. Xa kunjalo ke iMini kaKrestu yofika ningenasiphako, nimsulwa
Phonononga KWABASEFILIPI 1:9-10
3
KWABASEFILIPI 1:21
Kambe ke, ukudla ubomi, kum kukuthobela uKrestu. Ukufa ke kona kuzisa lukhulu.
Phonononga KWABASEFILIPI 1:21
4
KWABASEFILIPI 1:3
Ndisoloko ndimbulela qho uThixo wam xa ndinicinga.
Phonononga KWABASEFILIPI 1:3
5
KWABASEFILIPI 1:27
Ngoko ke ziphatheni ngendlela engqinelana neendaba ezingoKrestu. Nokuba ndizile ndanibona, okanye ndiyeva nje ngani, mandive ukuba nimi ngxishi moyeni mnye, ninenjongo enye yokuncedisana, nisilwela ukuthotyelwa kweendaba ezingoKrestu.
Phonononga KWABASEFILIPI 1:27
6
KWABASEFILIPI 1:20
Umnqweno nethemba lam kukuba ndinganikezeli, kodwa ngamaxesha onke, ingakumbi ngoku, ndikhuthale, ukuze ubume bam bonke bunike isidima kuKrestu, ndiphila okanye ndifile.
Phonononga KWABASEFILIPI 1:20
7
KWABASEFILIPI 1:29
Kuba kaloku ilungelo lenu njengabamanywe noKrestu alipheleli ekukholweni kuye kuphela, koko lifikelela nasekubeni nive ubunzima ngenxa yakhe.
Phonononga KWABASEFILIPI 1:29
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo