Kungoko ke athe uThixo wamphakamisa kakhulu,
wamthi jize ngelona gama lingaphezu kwawo onke amanye amagama,
ukuze bonke abaphilayo,
ezulwini, emhlabeni, naphantsi komhlaba,
bagobe amadolo benika imbeko kwigama likaYesu;
bathi bebonke bavume bengafihlisi
ukuba uYesu Krestu yiNkosi,
bebonakalisa ubungangamsha bukaThixo onguBawo.