Zintandathu izinto azithiyileyo *uNdikhoyo;
gxebe, zisisixhenxe izinto ezilizothe kuye:
amehlo endelelo,
ulwimi oluxokayo,
izandla eziphalaza igazi elimsulwa,
intliziyo eceba amayelenqe,
iinyawo ezikhawuleza ukuquqela ebubini,
ingqina elixokayo liyigqwethe inyaniso,
nomntu ophembelela ingxabano phakathi kwabazalanayo.