Waza wadlula UYEHOVA pambi kwake, washumayela ngokuti: UYEHOVA, UYEHOVA e NGUTIXO, enetaṙu, enofefe, equmba kade, emkulu ngobubele nenyaniso; ogcinela amawaka ububele, oxolela inkohlakalo, nesigqito, nesono, ongayi kuka agwebele onetyala; eyohlwayela inkohlakalo yoyise pezu kwabantwana, napezu kwabantwana babantwana, pezu kwesesitatu napezu kwesesine isizukulwana.