Ngokuba kuya kwaziwa nganto nina kaloku, ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako, mna nabantu bako? asi ngako na ukuhamba kwako nati? kukona siya kwahlulwa, kwa mna nabantu bako, kubo bonke abantu abapezu kwobuso bomhlaba.
Waza UYEHOVA wati ku‐Mosesi: Kwa nalento uyitetileyo ndiya kuyenza; ngokokuba ufumene ufefe emehlweni am, nokuba ndikwazi ngegama.