1
U‐Yisaya 11:2-3
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Umoya KAYEHOVA wopumla pezu kwake, umoya wobulumko nengqondo, umoya wobucebo namandla, umoya wokumazi nokumoyika UYEHOVA. Waeya kuqiqa msinya okwokwoyikwa KUKAYEHOVA; akayi kugweba ngokubona kwamehlo, akayi kwaba ngokuva kwendlebe kanjako
Thelekisa
Phonononga U‐Yisaya 11:2-3
2
U‐Yisaya 11:1
KOKO kuya kupuma ihlumelo esipunzini sika‐Jese, negatya liya kuhluma ezingcanjeni zake.
Phonononga U‐Yisaya 11:1
3
U‐Yisaya 11:4
koko eya kugwebela amahlwempu ngobulungisa, abele abalulamileyo bomhlaba ngolungelelaniso; uya kubeta umhlaba ngoswazi lwomlomo wake, nangomoya womlomo wake wobubisa okohlakeleyo.
Phonononga U‐Yisaya 11:4
4
U‐Yisaya 11:5
Ubulungisa boba ngumbinqo wesinqe sake, nenyaniso yoba ngumbinqo wezintso zake.
Phonononga U‐Yisaya 11:5
5
U‐Yisaya 11:9
Akuyi kupatwa kakubi, akuyi kubujiswa kanjako, kuyo yonke intaba yam eyingcwele; ngokuba umhlaba uya kuzala kukwaziwa KUKAYEHOVA, njengokuba amanzi egubungela ulwandle.
Phonononga U‐Yisaya 11:9
6
U‐Yisaya 11:6
Yandule incu̔ka ihlale nemvana, nengwe ilale pantsi nebokwana; itole nengonyamana nenkatyana etyetyisiweyo zoba ndawonye; nomntwana omncinane wozikokela.
Phonononga U‐Yisaya 11:6
7
U‐Yisaya 11:10
Kwakuya kuti ngomhla lowo, ingcambo ka‐Jese, eya kuma ibe yibanile yezizwe, kwa kuyo yona abaheyideni baya kufuna; nendawo yokupumla kwayo yoba ’bungcwalisa.
Phonononga U‐Yisaya 11:10
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo