Wayesiti u‐Yesu kuye: Ngowokuti: Uya kumtanda UYEHOVA, UTIXO wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangayo yonke ingqondo yako. Nguwo lo owokuqala nomkulu umyalelo. Nowesibini ufana nawo, ungowokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako.