Ukuba uthe wamquqela uThixo ngexesha elililo, Nomthandazo wakho kuSomandla; Ukuba uhlambulukile, ulungile; inene, uya kuvuka ngenxa yakho, ayenze ibe nempumelelo indawo yokuhlala yobulungisa bakho. Nakuba isiqalo sakho besincinane, kodwa isiphelo sakho siya kukhula kakhulu.