1
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:3-4
Contemporary Xhosa Bible 2024
Ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye. Elowo makaxunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye.
Thelekisa
Phonononga KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:3-4
2
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:5
Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu
Phonononga KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:5
3
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:6-8
Owathi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana noThixo akukuphanga; usuke wazenzisa, wathabatha ubume bomkhonzi, wenziwa wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.
Phonononga KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:6-8
4
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:13
Kuba nguThixo okusebenzayo Ngaphakathi kwenu ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yenkolelo yakhe.
Phonononga KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:13
5
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:9-11
Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama; ukuze ngegama likaYesu onke amadolo agobe, awabasemazulwini, nawabasemhlabeni, nawabaphantsi komhlaba; zithi zonke iilwimi zixele ukuba uYesu Kristu uyiNkosi, kuze kuzukiswe uThixo uYise.
Phonononga KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:9-11
6
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:14-15
Yenzani zonke izinto ngaphandle kokumbombozela nokuxambulisana, ukuze nibe ngabantwana bakaThixo abangenakusoleka, abangenatyala phakathi kohlanga olujijekileyo, olugwenxa, enikhanya phakathi kwalo njengezikhanyiso ehlabathini.
Phonononga KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:14-15
7
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:12
Ngoko ke, zintanda zam, njengokuba nahlala ninokuva, lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, ninokuzoyikela nokungcangcazela
Phonononga KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:12
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo