Wathi uSawule kuSamuweli, Hayi, ndiliphulaphule ilizwi likaYehova, ndahamba ngendlela abendithume ngayo uYehova, ndamzisa uAgagi ukumkani wama-Amaleki, ndawatshabalalisa ama-Amaleki. Besuka abantu bathabatha emaxhobeni: impahla emfutshane, neenkomo, neyona inentlahla kwizinto ezisingelwe phantsi, ukuze babingelele kuYehova, uThixo wakho, eGiligali. Wathi uSamuweli, UYehova unonelele amadini anyukayo nemibingelelo, ngangokuba enonelele ukuphulaphulwa kwezwi likaYehova, yini na? Yabona, ukuphulaphula kulungile ngaphezu kombingelelo, nokubaza iindlebe kulungile ngaphezu kwamanqatha eenkunzi zeegusha.
Funda USAMUWELI I 15
Share
Compare All Versions: USAMUWELI I 15:20-22
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos