USAMUWELI I 19:1-2

USAMUWELI I 19:1-2 XHO75

Wathetha uSawule kuYonatan unyana wakhe, nakubakhonzi bakhe bonke, ukuba bambulale uDavide. Ke uYonatan, unyana kaSawule, ube emthanda kunene uDavide. UYonatan wamxelela uDavide, esithi, USawule ubawo ufuna ukukubulala; ngoko uze ukhe uzigcine kusasa, uhlale endaweni esese, uzimele.