Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UDANIYELI 3:23-25

UDANIYELI 3:23-25 XHO75

La madoda omathathu, ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, awa phakathi kweziko elivutha umlilo, ebotshiwe. Waza uNebhukadenetsare ukumkani wothuka, wesuka ngobungxamo, wathetha wathi kumaphakathi akhe, Besingàjulelanga phakathi komlilo amadoda amathathu yini na, ebotshiwe? Aphendula athi kukumkani, Ùnyanisile, kumkani. Waphendula wathi, Khangelani, ndibona amadoda amané, ekhululekile, ehamba phakathi komlilo, engènzakele; ukubonakala kweyesiné ke kufana nonyana woothixo.