IEKSODUS 10
10
Isibetho sesibhozo nesethoba
1Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro; kuba mna ndiyiqaqadekisile intliziyo yakhe, nentliziyo yabakhonzi bakhe, ukuze ndibónakalalise le miqondiso yam phakathi kwalo ilizwe; 2ukuze ubalise, ezindlebeni zonyana wakho nezonyana wonyana wakho, izenzo ezincamisileyo endizenzileyo kumaYiputa, nemiqondiso yam endiyibonakalalisileyo phakathi kwawo, ukuze nazi ukuba ndinguYehova.
3Waya uMoses noAron kuFaro, bathi kuye, Utsho uYehova, uThixo wamaHebhere, ukuthi, Kunini na ungavumi ukuzithoba phambi kwam? Bandulule abantu bam, baye kundikhonza. 4Okanye ukuba uthe akwavuma ukubandulula abantu bam, uyabona, ngomso ndozisa iinkumbi emideni yakho; 5zibugubungele ubuso belizwe, lingabi nakubonwa ilizwe, zidle intsalela esindileyo, enisalele esichothweni, zidle yonke imithi enihlumelayo endle; 6zizalise izindlu zakho, nezindlu zabakhonzi bakho bonke, nezindlu zamaYiputa onke: iinkumbi ezingabonwanga ngooyihlo noonyokokhulu, kususela kwiimini ababekho ngazo emhlabeni, unanamhla. Wajika, waphuma kuFaro.
7Bathi abakhonzi bakaFaro kuye, Koda kube nini na, lo engumgibe kuthi? Bandulule abantu, baye kukhonza uYehova uThixo wabo. Akukazi na, kuhleliwe nje, ukuba iYiputa iza kutshabalala? 8Baza ooMoses noAron babuyiselwa kwakuFaro; wathi kubo, Hambani, niye kukhonza uYehova uThixo wenu; kuhamba oobani noobani ke? 9Wathi uMoses, Siya kuhamba nolutsha neengwevu zakowethu, sihambe noonyana bethu neentombi zethu, nempahla yethu emfutshane neenkomo zethu; kuba kuthi ngumthendeleko kaYehova. 10Wathi kubo, Makube njalo kambe; uYehova makabe nani, njengokuba ndinindulula nina nentsapho yenu. Khangelani, kukho ububi phambi kwenu. 11Makungabi njalo; makuhambe nina bangamadoda, niye kukhonza uYehova; kuba nibe nifuna oko. Bagxothwa, baphuma ebusweni bukaFaro.
12Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kwelizwe laseYiputa, kuze iinkumbi, zinyuke kulo ilizwe laseYiputa, ziyidle yonke imifuno yelizwe eli, yonke into eshiywe sisichotho. 13Wayolula uMoses intonga yakhe phezu kwelizwe laseYiputa, uYehova waqhuba umoya wasempumalanga kwelo lizwe yonke loo mini nobusuku bonke; kwakusa, umoya wasempumalanga wazithwala iinkumbi. 14Zenyuka iinkumbi kulo lonke ilizwe laseYiputa; zeza zahlala emideni yonke yaseYiputa, zininzi kunene; ekungazanga phambi kwazo kubekho zinkumbi zingako, kwabe emva kwazo kungasayi kubakho zinjalo. 15Zabugubungela ubuso belizwe lonke, laba mnyama ilizwe; zayidla yonke imifuno yelizwe neziqhamo zonke zemithi, ezazishiywe sisichotho; àkwasala nanye into eluhlaza emthini nasemifunweni yasendle, ezweni lonke laseYiputa.
16Wakhawuleza uFaro wabiza uMoses noAron, wathi, Ndonile kuYehova uThixo wenu nakuni. 17Kaloku khanisixolele isono sam okwesi sihlandlo sodwa, nithandaze kuYehova uThixo wenu, akususe kum oku kufa kodwa. 18Waphuma kuFaro, wathandaza kuYehova. 19UYehova wawuguqula umoya, waba ngowasentshonalanga onamandla kunene, wazithwala iinkumbi, wazidiba eLwandle oluBomvu;• akwasala nanye inkumbi, emideni yonke yaseYiputa. 20Wayenza lukhuni uYehova intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli.
21Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho ubumnyama ezweni laseYiputa, ubumnyama obungqingqwa. 22Wasolulela uMoses insandla sakhe ezulwini; kwabakho ubumnyama obusithokothoko ezweni lonke laseYiputa imihla emithathu. 23Àbabonana; àkwasuka bani endaweni yakhe imihla emithathu; ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli kwabakho ukukhanya emakhayeni abo. 24UFaro wabiza uMoses, wathi, Hambani niye kukhonza uYehova; kodwa impahla yenu emfutshane neenkomo zenu mazisale; nayo intsapho yenu yohamba nani. 25Wathi uMoses, Wena uze usinike imibingelelo namadini anyukayo ezandleni zethu, sibingelele kuYehova uThixo wethu; 26nemfuyo yethu ihambe nathi; akuyi kusala nophuphu olunye; kuba sothabatha kuyo ukukhonza uYehova uThixo wethu; kuba thina asazi ukuba somkhonza ngantoni na uYehova, side sifike khona.
27UYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, àkavuma ukubandulula. 28Wathi uFaro kuye, Hamba umke kum, uze uzigcine, ungaphindi ububone ubuso bam; kuba mhlana ububonileyo ubuso bam uya kufa. 29Wathi uMoses, Utyaphile utsho; andisayi kuphinda ndibubone ubuso bakho.
Currently Selected:
IEKSODUS 10: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.