IEKSODUS 29
29
Ukungcwaliswa kobubingeleli
1Yiyo le into owoyenza kubo yokubangcwalisa, ukuba babe ngababingeleli kum: Thabatha inkunzi entsha, ithole lenkomo, neenkunzi zezimvu ezigqibeleleyo zibe mbini; 2nesonka esingenagwele, nemiqhathane engenagwele egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba, ezingenagwele, zithanjiswé ngeoli; uzenze ngomgubo ocoliweyo. 3Wozibeka ngobozini-nye, uzisondeze ngengobozi leyo, kwanenkunzi entsha yenkomo, neenkunzi zezimvu zombini.
4UAron noonyana bakhe uze ubasondeze emnyango wentente yokuhlangana, ubahlambe ngamanzi; 5uzithabathe izambatho, umnxibe uAron ingubo engaphantsi, nengubo yokwaleka ye-efodi,• ne-efodi, nobengo, umbhinqise ngombhinqo we-efodi; 6umbeke unkontsho entlokweni yakhe, ubeke isithsaba esingcwele elunkontshweni olo. 7Uze uthabathe ioli yentambiso, uyithululele entlokweni yakhe, umthambise.
8Oonyana bakhe ke wobasondeza, ubanxibe iingubo zangaphantsi; 9ubabhinqise umbhinqo, uAron noonyana bakhe, ubanxibe iminqwazi, bube bobabo ububingeleli, bube ngummiselo ongunaphakade; ubamisele uAron noonyana bakhe.
10Uze uyisondeze inkunzi entsha phambi kwentente yokuhlangana, uAron noonyana bakhe bacinezele ngezandla zabo entlokweni yenkunzi entsha. 11Woyixhela inkunzi entsha phambi koYehova emnyango wentente yokuhlangana, 12ucaphule egazini lenkunzi entsha, uliqabe ezimpondweni zesibingelelo ngomnwe wakho; lonke igazi uliphalazele esisekweni sesibingelelo; 13uthabathe wonke umhlehlo ogubungele izibilini, nomhlehlo ophezu kwesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, uqhumisele ngazo esibingelelweni. 14Yona inyama yenkunzi entsha, nesikhumba sayo, nomswane wayo, wozitshisa ezo zinto ngomlilo, ngaphandle kweminquba yenu. Lidini lesono elo.
15Woyithabatha enye inkunzi yemvu leyo, uAron noonyana bakhe bacinezele ngezandla zabo entlokweni yenkunzi yemvu leyo. 16Uze uyixhele inkunzi yemvu, ulithabathe igazi layo, ulitshize esibingelelweni, ujikelezise. 17Woyityatya inkunzi yemvu, uzihlambe izibilini zayo neentungo zayo, uzibeke phezu kweenyama zayo, naphezu kwentloko yayo; 18uqhumisele ngenkunzi yemvu iphela esibingelelweni. Elo lidini elinyukayo kuYehova, livumba elithozamisayo, kukudla kwasemlilweni kuYehova.
19Uze uyithabathe eyesibini inkunzi yemvu, uAron noonyana bakhe bacinezele ngezandla zabo entlokweni yenkunzi yemvu leyo. 20Woyixhela inkunzi yemvu, ucaphule egazini layo, uliqabe esithinzini sendlebe yasekunene ka-Aron, nasesithinzini sendlebe yasekunene yoonyana bakhe, nasesithupheni sesandla sabo sokunene, nakubhontsi wonyawo lwabo lwasekunene, ulitshize igazi esibingelelweni, ujikelezise; 21ucaphule egazini eliphezu kwesibingelelo, naseolini yentambiso, ulifefe kuAron, nasezambathweni zakhe, nakoonyana bakhe, nasezambathweni zoonyana bakhe ndawonye naye, bangcwaliswe ke, yena nezambatho zakhe, noonyana bakhe, nezambatho zoonyana bakhe ndawonye naye. 22Uze uthabathe enkunzini yemvu amanqatha, nomsila, nomhlehlo ogubungele izibilini, nomhlehlo ophezu kwesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, nomlenze wasekunene; kuba yinkunzi yemvu yokumisela; 23nentendana yesonka, nomqhathane ogalelwe ioli ube mnye, nesonkana esisicaba sibe sinye, engobozini yezonka ezingenagwele eziphambi koYehova. 24Wozibeka zonke ezo zinto ezandleni zika-Aron, nasezandleni zoonyana bakhe, uzitshangatshangise, zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova; 25uzithabathe ezandleni zabo, uqhumisele ngazo esibingelelweni, phezu kwedini elinyukayo, zibe livumba elithozamisayo phambi koYehova. Oko kukudla kwasemlilweni kuYehova.
26Uze uthabathe incum yenkunzi yemvu yokumisela uAron, uyitshangatshangise ibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, sibe sisabelo sakho eso. 27Woyingcwalisa incum yomtshangatshangiso otshangatshangisiweyo, nomlenze womrhumo orhunyiweyo, enkunzini yemvu yokumisela uAron noonyana bakhe; 28ibe yeka-Aron noonyana bakhe; ibe ngummiselo ongunaphakade, iphuma koonyana bakaSirayeli, kuba ingumrhumo. Wóba ngumrhumo ophuma koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yoxolo, umrhumo wabo kuYehova.
29Izambatho ezingcwele ezikuAron zoba zezoonyana bakhe emva kwakhe, bathanjiswe ngeoli bezambethe, bamiselwe kuzo. 30Lowo ungumbingeleli esikhundleni sakhe, koonyana bakhe, wozambatha imihla esixhenxe ekungenen kwakhe ententeni yokuhlangana, ukuba alungiselele engcweleni.
31Inkunzi yemvu yokumisela uze uyithabathe, uyipheke inyama yayo endaweni engcwele; 32bayidle ooAron noonyana bakhe inyama yenkunzi yemvu, kwanesonka esisengobozini, emnyango wentente yokuhlangana. 33Ezo zinto, bekucanyagushwe ngazo, ukubamisela nokubangcwalisa, mabazidle; owasemzini makangazidli, kuba zingcwele. 34Ukuba kuthe kwasala nto enyameni yokumisela nasezonkeni, kwada kwasa, uze uyitshise ngomlilo loo nto iseleyo; ingàdliwa, kuba ingcwele.
35Uze wenjenje kuAron nakoonyana bakhe ngokweento zonke endikuwisele umthetho ngazo; wobamisela iintsuku zibe sixhenxe. 36Uze wenze idini lesono ngenkunzi entsha imini ngemini, ukuze kucanyagushwe; isibingelelo usihlambulule isono ekusicamagusheleni kwakho, usithambise, singcwaliswe. 37Imihla yoba sixhenxe isibingelelo usicamagushela, usingcwalise, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele. Zonke izinto ezisichukumisayo isibingelelo eso zoba ngcwele.
38Yiyo ke le into oya kuyibingelela esibingelelweni: ziimvana ezimnyaka mnye zibe mbini, imini ngemini amaxesha onke. 39Enye imvana woyibingelela kusasa, eyesibini imvana uyibingelele lakutshona ilanga. 40Kwimvana yokuqala uze wenze isahlulo seshumi se-efa• yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli engqushiweyo esisahlulo sesiné sehin,• ndawonye nomnikelo othululwayo osisahlulo sesiné sehin yewayini. 41Eyesibini imvana woyibingelela lakutshona ilanga, uyenze ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ibe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni kuYehova.
42Elo loba lidini elinyukayo lamaxesha onke kwizizukulwana zenu, emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, apho ndiya kuhlangana nani khona, ndithethe nawe. 43Khona apho ndohlangana noonyana bakaSirayeli, bangcwaliswe ngobuqaqawuli bam; 44ndiyingcwalise intente yokuhlangana nesibingelelo, noAron noonyana bakhe ndibangcwalise, babe ngababingeleli bam. 45Ndohlala phakathi koonyana bakaSirayeli, ndibe nguThixo wabo; 46bazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo, owabakhuphayo ezweni laseYiputa, ukuba ndihlale phakathi kwabo: ndinguYehova uThixo wabo.
Currently Selected:
IEKSODUS 29: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.