IGENESIS 41

41
UYosefu utyhilela uFaro iphupha lakhe; uyakhululwa; uyanyuselwa
1Kwathi, ekupheleni kweminyaka emibini ezeleyo, uFaro waphupha emi phezu komlambo; 2nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amathokazi asixhenxe amahle, etyebile, esidla engcotyeni; 3nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amanye amathokazi asixhenxe emva kwawo, emabi, enqinile; ema ecaleni lamanye amathokazi lawo elunxwemeni lomlambo; 4asuka amathokazi amabi, anqinileyo, awadla amathokazi asixhenxe amahle, atyebileyo. Waphaphama uFaro.
5Walala, waphupha okwesibini. Wabona izikhwebu ezisixhenxe ziphuma mcingeni mnye, zityebile, zilungile. 6Nanzo izikhwebu ezisixhenxe ezingcakacileyo, ezitshileyo lulophu lwasempumalanga, ziphuma emva kwazo; 7zesuka izikhwebu ezingcakacileyo zaziginya izikhwebu zosixhenxe ezityebileyo, ezichumileyo. Wavuka uFaro, O, liphupha!
8Kwathi kusasa, umoya wakhe wangqunga; wathumela, wazibiza zonke izazi zaseYiputa, izilumko zonke zakhona. UFaro wazixelela iphupha lakhe; akwabakho bani kuzo unokuwatyhila kuFaro.
9Wathetha umphathi wabangcamli kuFaro, esithi, Ndiyasikhumbula namhlanje isono sam. 10UFaro wayenoburhalarhume kubakhonzi bakhe, wandinikela elugcinweni endlwini yomthetheli wabasiki, mna lo, nomphathi waboji bezonka. 11Saphupha iphupha ngabusuku bunye, mna naye; walowo waphupha ngokutyhilwa kwephupha lakhe. 12Kwakukho kuthi umfana ongumHebhere, isicaka somthetheli wabasiki, sasixelela, sasityhilela amaphupha ethu, samtyhilela elowo ngokwephupha lakhe. 13Kwathi, ngokoko sisityhileleyo, kwaba njalo; mna wàndibuyisela endaweni yam, omnye lowo wamxhoma.
14UFaro wathumela, wambiza uYosefu. Bamgidimisa ukumkhupha emhadini; wazicheba, wanxiba ngubo zimbi, weza kuFaro. 15Wathi uFaro kuYosefu, Ndiphuphe iphupha, akukho bani unokulityhila; mna ndive kusithiwa ngawe, ùyaliva iphupha ulityhile. 16UYosefu wamphendula uFaro, esithi, Akunam; uThixo uya kuphendula into yokumsindisa uFaro.
17UFaro wathetha kuYosefu, wathi, Ephupheni lam, yabona, bendimi elunxwemeni lomlambo; 18nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amathokazi asixhenxe etyebile, emahle, esidla engcotyeni; 19nanko, kunyuka kuphuma amanye amathokazi asixhenxe emva kwawo, ebhityile, emabi kakhulu, engamarhoqorhoqo, endingazanga ndibone anjalo kulo lonke ilizwe laseYiputa, ukuba mabi kwawo; 20amathokazi angamarhoqorhoqo, amabi, awadla awokuqala amathokazi asixhenxe atyebileyo; 21angena embilinini wawo àkwazeka ukuba angenile embilinini wawo; imbonakalo yawo yambi, njengasekuqaleni. Ndaphaphama. 22Ndabona ephupheni lam, izikhwebu ezisixhenxe ziphuma micingeni mnye, zichumile, zilungile; 23nanzo, izikhwebu ezisixhenxe zishwabene, zingcakacile, zitshile lulophu lwasempumalanga, zihluma emva kwazo. 24Zesuka izikhwebu ezingcakacileyo, zaziginya izikhwebu ezisixhenxe ezilungileyo. Ndathetha nezazi; akukho bani kuzo undixelelayo.
25UYosefu wathi kuFaro, Iphupha likaFaro linye; uThixo umxelele uFaro oko aya kukwenza. 26Amathokazi asixhenxe alungileyo yiminyaka esixhenxe; izikhwebu ezisixhenxe ezilungileyo yiminyaka esixhenxe; iphupha eli linye. 27Amathokazi asixhenxe angamarhoqorhoqo, amabi, anyukileyo aphuma emva kwalawo, yiminyaka esixhenxe; nezikhwebu ezisixhenxe ezinqinileyo, ezitshileyo lulophu lwasempumalanga, ziya kuba yiminyaka esixhenxe yendlala. 28Lelo lizwi ndilithethileyo kuFaro lokuthi: oko aya kukwenza uThixo ukubonisile kuFaro.
29Yabona, kuza iminyaka esixhenxe yendyebo enkulu ezweni lonke laseYiputa; 30ze kuvele iminyaka esixhenxe yendlala emva kwaleyo, ilityalwe yonke indyebo ezweni laseYiputa, indlala iligqibe ilizwe; 31ingàziwa indyebo elizweni, ngenxa yaloo ndlala iya kubakho emva kwayo, kuba iya kuba nzima kunene. 32Ukuphindwa kabini kwephupha elo kuFaro kukuqiniswa kwayo le ndawo nguThixo; úya kukhawuleza uThixo ukuyenza.
33Ngoko uFaro makakhangele indoda eyingqondi, esisilumko, ayimise phezu kwelizwe laseYiputa. 34Makenze le nto uFaro, alimisele abaveleli ilizwe, athabathe isihlanu selizwe laseYiputa ngeminyaka yosixhenxe yendyebo. 35Mababuthe konke ukudla kwaloo minyaka ilungileyo izayo, bafumbe ingqolowa phantsi kwesandla sikaFaro, ibe kukudla emizini, bayigcine; 36oko kudla kube yinto ebekelwe ilizwe iminyaka yosixhenxe yendlala, eya kubakho ezweni laseYiputa, lingatshabalali ilizwe yindlala.
37Lalunga elo zwi emehlweni kaFaro nasemehlweni abo bonke abakhonzi bakhe. 38UFaro wathi kubakhonzi bakhe, Sinokumfumana na umntu onje, onoMoya kaThixo? 39UFaro wathi kuYosefu, Ekubeni uThixo ekwazisile konke oku, akukho bani uyingqondi, usisilumko, njengawe. 40Ùya kuba phezu kwendlu yam wena, bawuthobele umlomo wakho bonke abantu bam; kusetroneni yodwa endiya kuba mkhulu kuwe. 41UFaro wathi kuYosefu, Khangela, ndikumisé phezu kwalo lonke ilizwe laseYiputa.
42Wawukhulula uFaro umsesane wakhe esandleni sakhe, wawufaka esandleni sikaYosefu, wamambathisa iingubo zelinen ecikizekileyo, wanxiba umxokelelwane wegolide entanyeni yakhe. 43Wamkhwelisa enqwelweni yesibini abenayo, kwamenyezwa phambi kwakhe, kwathiwa, Guqani! Wammisa phezu kwalo lonke ilizwe laseYiputa. 44Wathi uFaro kuYosefu, NdinguFaro; ngaphandle kwakho, akukho bani uya kuphakamisa sandla sakhe, nalunyawo lwakhe, ezweni lonke laseYiputa. 45UFaro wamthiya uYosefu igama lokuba nguTsafenati-paneha, wamnika uAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn, ukuba abe ngumkakhe. Waphuma uYosefu, walihamba ilizwe laseYiputa.
46UYosefu wayeminyaka imashumi mathathu ezelwe, ukuma kwakhe phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; waphuma uYosefu ebusweni bukaFaro, walicanda lonke ilizwe laseYiputa. 47Umhlaba wavelisa ngendiphane ngeminyaka esixhenxe yendyebo. 48Wakubutha konke ukudla kweminyaka esixhenxe ebikho ezweni laseYiputa, wakubeka ukudla kuyo imizi; ukudla kwamasimi abewungqongile umzi, wakubeka phakathi kwawo. 49UYosefu wayifumba ingqolowa yanjengentlabathi yolwandle, yaninzi kunene, wada wayeka ukubala, kuba ibingenakubalwa.
50UYosefu wazala oonyana bababini, wabazalelwa nguAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn, ingekafiki iminyaka yendlala. 51UYosefu wamthiya owamazibulo igama elinguManase;• ngokuba wathi, UThixo undenzé ndakulibala konke ukwaphuka kwam, nayo yonke indlu kabawo. 52Owesibini wamthiya igama elinguEfrayim;• ngokuba wathi, UThixo undiqhamisile ezweni leentsizi zam.
53Yaphela ke iminyaka yosixhenxe yendyebo ebisezweni laseYiputa. 54Yaqala ukufika iminyaka yosixhenxe yendlala, njengoko wayekuthethile uYosefu. Yabakho indlala kumazwe onke; ke ezweni lonke laseYiputa kwakukho isonka. 55Lonke ilizwe laseYiputa laba nendlala; abantu bakhalela isonka kuFaro; wathi uFaro kuwo onke amaYiputa, Yiyani kuYosefu; athe wakuthetha kuni nize nikwenze. 56Indlala yaba sezweni lonke; uYosefu wazivula zonke izindlu ezinokudla, wathengisa ngengqolowa kumaYiputa; kuba indlala yaba namandla ezweni laseYiputa. 57Lesuka ilizwe liphela, leza kuthenga ingqolowa kuYosefu eYiputa, kuba indlala ibinamandla kulo lonke.

Currently Selected:

IGENESIS 41: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena