UISAYA 49
49
Ukubizwa nokuthunywa komkhonzi kaYehova
1Phulaphulani kum, ziqithi; bazani indlebe, zizwe zikude; uYehova undibize kwasesizalweni, ulikhankanye kwasezibilinini zikama igama lam. 2Wawenza umlomo wam wanjengekrele elibukhali, wandizimeza esithunzini sesandla sakhe, wandenza utolo olubaziweyo, wandisithelisa emphongolweni; wathi kum, 3Ungumkhonzi wam, wena Sirayeli, endiya kuhomba ngaye.
4Ndathi mna, Ndifumane ndazixhamla, ndawaphelisa amandla am ngochuku, nangento engento; noko ibango lam likuYehova, nomvuzo wam unoThixo wam. 5Kaloku ke uthi uYehova, owandibumba kwasesizalweni, ukuba ndibe ngumkhonzi kuye wokubuyisela uYakobi kuye, uSirayeli ahlanganiselwe kuye (ndizukile emehlweni kaYehova, uThixo wam waba ngamandla am); 6uthi ke, Kuyinto elula ukuba ube ngumkhonzi kum wokumisa izizwe zakwaYakobi, ubuyise abalondolozwa bakaSirayeli; kananjalo ndiya kukwenza isikhanyiso seentlanga, ukuba ube lusindiso lwam, ude uze eziphelweni zehlabathi.
Ukuhlangulwa kukaSirayeli
7Utsho uYehova, uMkhululi kaSirayeli, oyiNgcwele wakhe, komphefumlo udelekileyo, kongamasikizi ezintlangeni, kumkhonzi wezilawuli, ukuthi, Ookumkani baya kubona, basuke beme, nabathetheli babone, baqubude ngenxa kaYehova onyanisekileyo, oyiNgcwele kaSirayeli, ngokokuba ekunyule. 8Utsho uYehova ukuthi, Ngexesha elamkelekileyo ndikuphéndule, ndakunceda ngemini yosindiso. Ndiya kukubumba, ndikunike ukuba ube ngumnqophiso wabantu, ukuba ulimise ilizwe, ukuba uwabe amafa angamanxuwa; 9uthi kubabanjwa, Phumani; kwabasemnyameni, Velani.
Baya kudla ngokomhlambi ezindleleni, amadlelo abo abekho naseluqayini lonke. 10Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayi kubethwa sisangá nalilanga; ngokuba onemfesane kubo uya kubaqhuba, abathundezele emanzini ampompozayo. 11Ndiya kuzenza zonke iintaba zam zibe ziindlela, uphakame umendo wam. 12Yabona, aba baya kuvela kude; yabona, aba baya kuvela kwelasentla naselwandle, aba bavele ezweni lamaSini. 13Memelelani, mazulu; gcoba, hlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, unemfesane kwabaziintsizana zakhe.
14Ke yathi iZiyon, UYehova undishiyile, iNkosi yandilibala. 15Umfazi angàlulibala yini na usana lwakhe, ukuba angabi namfesane kunyana wesizalo sakhe? Nokuba oonina abo bathe balibala, andiyi kukulibala mna. 16Ùyabona, ndikuvambile ezintendeni zezandla zam; iindonga zakho zihlala zimi phambi kwam. 17Oonyana bakho bayakhawuleza, bayeza; abagungxuli bakho nabachithi bakho bayaphuma kuwe.
18Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, beza kuwe. Ndihleli nje, utsho uYehova, ùya kubanxiba bonke bephela njengezivatho, ubabhinqe ngokombhinqo womtshakazi. 19Ngokuba amanxuwa akho la, neendawo zakho ezigungxuliweyo, nelizwe lakho elichithakeleyo — inene, ngoku ùya kuxinana ngabemi kulo, babe kude abaginyi bakho. 20Basaya kuthi ezindlebeni zakho oonyana bakho obubahluthiwe, Indawo ixinene kum, ndíkhwelele, ndihlale; ùya kuthi entliziyweni yakho, 21Ngubani na lo undizalele aba? Mna bendihluthiwe abantwana nje, ndaba ludlolo, ndafuduswa, ndagxothwa; ke aba bakhuliswe ngubani na? Uyabona, mna bendisele ndedwa; aba babephi na?
22Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndisiphakamisela ezintlangeni isandla sam, ndiyinyusele ezizweni ibhanile• yam, zibazìse ke oonyana bakho, zibawole ngeengalo, neentombi zakho zithwalwe ngamagxa, 23Ookumkani baya kuba ngabondli bakho, namakhosikazi abo abe ngabanyisi bakho. Baya kuqubuda kuwe, bese ubuso emhlabeni, bakhothe uthuli lweenyawo zakho; wazi ke ukuba ndinguYehova, obathembi bakhe bangayi kudana. 24Anokuthatyathwa na amaxhoba kwigorha, basinde na abathinjiweyo bengamulungisa? 25Inene, utsho uYehova ukuthi, Nabathinjwe ligorha baya kuthatyathwa, namaxhoba omngcangcazelisi aya kusinda; ke obambana nawe, mna ndiya kubambana naye, ndibasindise mna oonyana bakho. 26Abakuxinzelela phantsi ndobadlisa eyabo inyama, banxiliswe lelabo igazi ngathi kungewayini entsha; yázi inyama yonke, ukuba mna, Yehova, ndinguMsindisi wakho, ukuba uMkhululi wakho ngOnamandla kaYakobi.
Currently Selected:
UISAYA 49: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.