UISAYA 57
57
1Ilungisa liyatshabalala; akukho mntu ke ukunyamekelayo oko ngentliziyo; amadoda anobubele ayemka, akukho mntu ke uqondayo ukuba ilungisa limka phambi kokuba kubekho ububi. 2Lingena eluxolweni; baphumla ezililini zabo ababehambe ngokuthe gca.
3Ke nina, sondelani apha, nyana betolakazi, mbewu yomkrexezi neyehenyukazi. 4Nivuyelela bani na? Nisinekela bani na, ning'ong'oza nje? 5Àningabantwana bokreqo, imbewu yobuxoki, yini na, nina bazitshisekisayo emiterebhintini, phantsi kwemithi yonke eluhlaza; nina babasikayo abantwana ezihlanjeni phantsi kwemiqhokro yeengxondorha? 6Isahlulo sakho saba sematyeni agudileyo esihlambo; wona aba ngamaqashiso akho; kananjalo wawathululela amadini athululwayo, wenyusa iminikelo yokudla kuwo. Mandizithuthùzele na ngezo zinto? 7Entabeni ephakamileyo ende wabeka isilili sakho, wenyuka waya kubingelela imibingelelo nalapho. 8Isikhumbuzo sakho wasibeka emva kocango nomgubasi; ngokuba wathi ungekum wazityhila, wenyuka, wasenza sabanzi isilili sakho, wanqophisana nabo, wathanda kulala nabo, wandlala ukhuko. 9Wahambela kukumkani uneoli, wanyhikiza iziqholo zakho, wazithuma kude izigidimi zakho, wazithoba kwada kwaba kwelabafileyo. 10Wadinwa ngokuba nde kwendlela yakho; àkwathi, Ndincamile; wawafumana ebuya ephila amandla akho ngenxa yoko akuthanga fehlefehle.
11Ubunesithukuthezi ngabani na, ubusoyika bani na, ukuba uthethe amanga, ungandikhumbuli, ungakunyamekeli oko ngentliziyo? Àndithe quthu na kususela kwaphakade, ungandoyiki nje? 12Ndiya kubuxela mna ubulungisa bakho, nezenzo zakho aziyi kukunceda nto. 13Ekukhaleni kwakho mazikuhlangule iimfumba zezithixo zakho; zonke ziphela zimka nomoya, zithatyathwa ngumphunga. Ke yena okholosa ngam uya kulidla ilifa ilizwe, ayime intaba yam engcwele.
Idinga lobubele likaThixo kwabamhloneleyo
14Uthile wóthi, Fumbani, fumbani, gecani indlela; susani isikhubekiso endleleni yabantu bam. 15Ngokuba utsho ophezulu, owongamileyo, ohleli ngonaphakade, ogama linguNgcwele, ukuthi, Ndihleli phezulu, engcweleni, ndihleli nakotyumkileyo, omoya uthobekileyo; ukuba ndibuye ndiphilise umoya wabathobekileyo, ndibuye ndiphilise intliziyo yabatyumkileyo. 16Ngokuba andiyi kubambana naye ngonaphakade, andiyi kuhlala ndinoburhalarhume; kuba umoya ubungatyhafayo phambi kwam, nemiphefumlo endiyenzileyo mna.
17Ngenxa yobugwenxa bokubawa kwakhe ndaba noburhalarhume, ndambetha, ndazisithelisa, ndaba noburhalarhume; wahamba ephamba ngendlela yentliziyo yakhe. 18Iindlela zakhe ndizibonile: ndiya kumphilisa, ndimalathise, ndimbuyekezele intuthuzalo yena, nabakhe ke abenza isijwili. 19Umdali weziqhamo zomlomo, uYehova, uthi, Uxolo, uxolo malubekho kwabakude nakwabakufuphi, ndibaphilise. 20Ke bona abangendawo banjengolwandle oluvunjululweyo, ngokuba alunakuzola; amanzi alo avumbulula udaka nezibi. 21Alukho uxolo kwabangendawo, utsho uThixo wam.
Currently Selected:
UISAYA 57: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.