ULUKA 8
8
Abafazi ababemlungiselela uYesu ngeempahla zabo
1Kwathi emva koko, wayihamba imizi ngemizi, nemizana ngemizana, ezivakalisa ezishumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo; babenaye abalishumi elinababini. 2Nabafazi abathile ababephiliswe koomoya abangendawo nasebulwelweni, uMariya okuthiwa ngowaseMagadala, ekwakuphume kuye iidemon zosixhenxe, 3noYohana, umfazi kaKuza, igosa likaHerode, noSusana, nabanye abaninzi; bona babemlungiselela ngeempahla zabo.
Umzekeliso womhlwayeli
(UMat. 13:1-23)
4Ke kaloku, kwakubon' ukuba kuntontelene isihlwele esikhulu, bathi nabemizi ngemizi bawomela kuye. 5Wathi ngomzekeliso, Umhlwayeli waphuma waya kuyihlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe yawa enye ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zezulu zayidla zayigqiba. 6Yimbi yawa elulwalweni, yathi isahluma, yatsha ngenxa yokuba ibingenakunyakama. 7Yimbi yawa phakathi kwemithana enameva, yasuka imithana enameva yahluma kunye nayo, yayiminxa. 8Yimbi yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yahluma, yavelisa isiqhamo kalikhulu. Uthe ezithetha ezi zinto, waye edanduluka esithi, Lowo uneendlebe zokuva makeve.
9Baye ke abafundi bakhe bembuza besithi, Úngaba uyintoni na lo mzekeliso? 10Uthe ke yena, Nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bukaThixo; ke kwabanye bona kungemizekeliso, ukuze bebona nje bangaboni, besiva nje bangaqondi.
11Ke kaloku umzekeliso nguwo lo: 12Imbewu le lilizwi likaThixo. Abo ke bangasendleleni ngabo bevayo, andule afike uMtyholi, alisuse ilizwi entliziyweni yabo, ukuze bangakholwa basindiswe. 13Abo ke baselulwalweni ngabasakuthi, bakuliva, balamkele ngovuyo ilizwi; aba ke àbanangcambu; bona bakholwa umzuzwana, ze bathi ngexa lokuhendwa balahle. 14Leyo ke yawayo emithaneni enameva, ngabo bathi, belivile, bahambe benamaxhala nobutyebi neziyolo zobu bomi, baminxwe, baze bangavelisi siqhamo. 15Ke leyo isemhlabeni omhle, ngabo bona bathi ngentliziyo entle, elungileyo, bakuliva ilizwi, balibambe, bavelise iziqhamo benomonde.
Umzekeliso wesibane
(UMarko 4:21-25)
16Akukho ke uthi, esilumekile isibane, asisibeke ngesitya, athi mhlawumbi asibeke ngaphantsi kwesingqengqelo; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangénayo bakubone ukukhanya. 17Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakala; kanjalo akukho ifihlakeleyo ingayi kwazeka, ize ekuhléni. 18Lumkani ngoko ukuva eniva ngako; kuba osukuba enako, uya kunikwa; nosukuba engenako, uya kuhluthwa noko ngathi unako.
Izizalwane zenene zikaYesu
(UMat. 12:46-50)
19Ke kaloku kwafika kuye unina nabazalwana bakhe, baza àbaba nako ukufikelela kuye ngenxa yesihlwele. 20Wabikelwa ke, kusithiwa, Unyoko nabazalwana bakho bemi ngaphandle, befuna ukukubona. 21Waphendula ke yena wathi kubo, Uma nabazalwana bam ngaba bona balivayo ilizwi likaThixo, balenze.
UYesu uzolisa uqhwithela
(UMat. 8:23-27)
22Kwathi ngamhla uthile, waya kungena emkhombeni kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Masiwele, siye ngaphesheya kwedike; banduluka ke. 23Ke kaloku, bakubon' ukuba bayahamba ngomkhombe, walala ubuthongo. Kwehla uqhwithela lomoya edikeni apho, waye uzala ngamanzi usengozini.
24Beza ke bamvusa, besithi, Mongameli, Mongameli, satshabalala. Wavuka ke yena, wawukhalimela umoya nokulatyuza kwamaza; zapheza ezo zinto, kwabakho ukuzola. 25Wathi ke kubo, Luphi na ukholo lwenu? Bathe, kuba besoyika, bamangaliswa, besitshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto ayithethela imimoya kwanamanzi, zimlulamele ezo zinto?
Obephethwe ziidemon waseGadara
(UMat. 8:28-34)
26Bahambela ngomkhombe ezweni laseGadara, elikhangelene nelaseGalili. 27Ke kaloku, akuphumela emhlabeni, kwaqubisana naye indoda ethile iphuma emzini, esekukade ineedemon. Yayingambathi ngubo, ingahlali ndlwini, isuka ihlale emangcwabeni. 28Ithe ke yakumbona uYesu, yakhala kunene, yawa phambi kwakhe, yathi ngezwi elikhulu, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kukhunga ukuba ungandithuthumbisi. 29Kuba ebewuthethele umoya ongcolileyo ukuba uphume emntwini lowo. Kuba bekuba futhi umthi hlasi; wayebotshwa ngemixokelelwane nangamakhamandela, egciniwe; asuke azijace izibophelelo aqhutyelwe yidemon entlango.
30UYesu wambuza ke esithi, Ungubani na igama lakho? Uthe ke yena, NdinguMkhosi; kuba kwakungene kuye iidemon ezininzi. 31Wayembongoza ukuba angazithetheli ziye kungena enzonzobileni. 32Bekukho ke apho ugxuba lweehagu ezininzi, lusidla entabeni; zaye zimbongoza, ukuba azivumele ziye kungena kuzo. 33Wazivumela ke. Ziphumile ke iidemon emtwini lowo, zangena ezihagwini; lwaza ugxuba olo lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela edikeni, lwarhaxwa.
34Bakukubona ke okuhlileyo abo babezalusa, basaba, baya babika ekhaya nasemaphandleni. 35Baphuma ke abantu, baya kukubona okuhlileyo; beza kuYesu, bamfumana ehleli umntu lowo, beziphume kuye iidemon, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo, engasezinyaweni zikaYesu; baza boyika. 36Bathi ke nabo babonileyo, bababikela ukuba uthiweni na ukuphiliswa obephethwe ziidemon. 37Yamcela yonke inkitha yommandla wabaseGadara, ukuba emke kubo; ngokuba babebanjwe kukoyika okukhulu. Uthe ke yena, engene emkhombeni, wabuya.
38Ke kaloku indoda leyo, zaye ziphume kuyo iidemon, yayimkhunga ukuba ibe naye. Ke yena uYesu wayindulula, esithi, 39Buyela endlwini yakho, ubacacisele oko zingako izinto uThixo akwenzele zona. Yemka, yavakalisa kuwo wonke umzi oko zingako izinto uYesu ayenzele zona.
Intombi kaYayiro. Intokazi eyayinethombo legazi
(UMat. 9:18-26)
40Kwathi ke kaloku, ekubuyeni kukaYesu, zamamkela izihlwele; kuba bonke babemlindile. 41Kwabonakala kusiza indoda egama linguYayiro; yaye yona ingumphathi wendlu yesikhungu. Yawa ezinyaweni zikaYesu, yayimbongoza ukuba eze endlwini yayo. 42Kuba yabe inentombi, iyizala inye, eminyaka ngathi ilishumi linamibini izelwe; yaye yona iqhawuka. Ke kaloku, ekuyeni kwakhe apho, izihlwele bezimxinile.
43Nentokazi eyayinethombo legazi iminyaka elishumi linamibini, eyayithe yona phezu koko yadleka impahla yayo iphela ngamagqirha, ayaba nako ukuphiliswa bani, 44yeza ngasemva, yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe, lee qoko kwangoko ithombo legazi layo.
45Wathi uYesu, Ngubani na lo undichukumisileyo? Bakuba bekhanyela bonke, wathi uPetros nabo babenaye, Mongameli, izihlwele zikuxina, zikukhandanisa nje, ùthi na, Ngubani na lo undichukumisileyo? 46Uthe ke uYesu, Úkho ondichukumisileyo; kuba mna ndiyawazi amandla aphumileyo kum.
47Ithe ke intokazi leyo, yakubona ukuba ayifihlakele, yeza igubha, yawa phambi kwakhe, yaxela emehlweni abo bonke abantu, ukuba bekungasizathu sini na ebimchukumisile, nokuphiliswa kwayo kwangoko. 48Uthe ke yena kuyo, Yomelela, ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile; hamba ngoxolo.
49Kuthi, esathetha, kufike othile, evela kwamphathi-ndlu yesikhungu, esithi kuye, Ibhubhile intombi yakho; musa ukumkhathaza uMfundisi. 50Ekuvile ke oko uYesu, umphendule wathi, Musa ukoyika; kholwa wena kuphela, yosindiswa.
51Ke kaloku, engenile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene naye, kwaba kuphela nguPetros, noYohane, noYakobi, noyise wentombi, nonina. 52Baye ke bonke belila, beyimbambazelela. Wathi ke yena, Musani ukulila; ayifile, ilele nje kodwa. 53Basuka bamwa ngeentsini, besazi ukuba ifile. 54Uthe ke yena, wabakhuphela phandle bonke, wayibamba ngesandla, wabiza esithi, Ntombi, vuka. 55Wabuya umoya wayo, yesuka yema kwangoko; wamisa ukuthi mayinikwe into, idle. 56Besuka abazali bayo bathi nqa; wabathethela ukuba bangakuxeleli bani okuhlileyo.
Currently Selected:
ULUKA 8: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.