UNEHEMIYA 9

9
Ukuzila ukudla ngengxelo-zono yabantu bonke, nokuhlaziywa komnqophiso
1Ke kaloku ngomhla wamashumi amabini anesiné waloo nyanga, bahlanganisana oonyana bakaSirayeli, bezila ukudla, beneengubo ezirhwexayo, bezigalele umhlaba. 2Yazahlula imbewu kaSirayeli koonyana bonke bolunye uhlanga, bema bazixela izono zabo, nobugwenxa booyise. 3Bema endaweni yabo, belesa encwadini yomyalelo kaYehova uThixo wabo, isahlulo sesiné semini; esinye isahlulo sesiné bexela izono zabo, bemnqula uYehova uThixo wabo.
4Benyuka bema esikhwelweni sabaLevi ooYeshuwa noBhani, noKademiyeli, noShebhaniya, noBhuni, noSherebhiya, noBhani, noKenani; bamemeza ngezwi elikhulu kuYehova uThixo wabo. 5Bathi abaLevi, ooYeshuwa, noKademiyeli, noBhani, noHashabheneya, noSherebhiya, noHodiya, noShebhaniya, noPetaya:
Sukani nime. Bongani uYehova uThixo wenu, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni.
Malibongwe igama lobuqaqawuli bakho, elikuphakameleyo konke ukubonga nokudumisa. 6Wena unguYehova wedwa, wena wenza izulu, izulu lawo amazulu, nomkhosi wawo wonke, umhlaba nento yonke ephezu kwawo, iilwandle neento zonke ezikhona, uzidilisa ubomi zonke ezo zinto; umkhosi wamazulu uqubuda kuwe. 7Wena unguYehova, uThixo owanyula uAbram, wamkhupha eUre yamaKaledi, wamthiya igama elinguAbraham. 8Wayifumana intliziyo yakhe inyanisekile phambi kwakho, wenza naye umnqophiso wokulinika ilizwe lamaKanan, namaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaYebhusi, namaGirgashi, wokulinika imbewu yakhe; wawamisa ke amazwi akho, ngokuba ùlilungisa.
9Wazibona iintsizi zoobawo eYiputa, wakúva ukukhala kwabo eLwandle oluBomvu;• 10wenza imiqondiso nezimanga kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakubantu bonke belizwe lakhe, ngokuba ubusazi ukuba baye bebakhukhumalele; wazenzela igama njengoko kunjalo nanamhla. 11Walwahlula ulwandle phambi kwabo; bawela elwandle komile, abasukeli babo wabazulumbela ezinzulwini njengelitye emanzini anamandla. 12Wabakhokela ngomqulu welifu emini, nangomqulu womlilo ebusuku, ukuba ubakhanyisele indlela ababehamba ngayo.
13Wehla phezu kwentaba yeSinayi, wathetha nabo uvela emazulwini, wabanika amasiko athe tye, nemiyalelo eyinyaniso, nemimiselo, nemithetho elungileyo; 14wabazisa isabatha yakho engcwele, wabamisela imithetho, nemimiselo, nomyalelo, ngesandla sikaMoses umkhonzi wakho. 15Wabanika isonka sasezulwini ngenxa yokulamba kwabo, wabavelisela namanzi engxondorheni ngenxa yokunxanwa kwabo; wathi kubo, mabaye kulihlutha ilizwe, owabaphakamisela isandla sakho, ukuba wobanika lona.
16Ke bona oobawo bakhukhumala, bazenza lukhuni iintamo zabo, àbayiphulaphula imithetho yakho. 17Àbavuma ukuva, àbayikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo, owayenzayo kubo. Bazenza lukhuni iintamo zabo, bamisa iintloko, ukuba babuyele ebukhobokeni babo ngeenkani zabo; wena wathi, kuba ùnguThixo wokuxolela, ubabala, unemfesane, uzeka kade umsindo, umninzi ngenceba, àkwabashiya. 18Noko ke bazenzela ithole elingumfanekiso otyhidiweyo, bathi, Nguye lo uThixo wakho owakunyusayo eYiputa; bakugiba kakhulu.
19Ke wena, ngeemfesane zakho ezinkulu, akubashiyanga entlango; umqulu welifu wokubakhokela ngendlela awumkanga kubo emini, nomqulu womlilo ebusuku wokubakhanyisela indlela abahamba ngayo. 20Wabanika umoya wakho olungileyo, ukuba ubaqononondise; akuwuvimbanga umlomo wabo imana• yakho, wabanika amanzi ngenxa yenxano labo. 21Iminyaka emashumi mané wabafunzela entlango, àbaswela nto; iingubo zabo azonakalanga bubudala, iinyawo zabo azidumbanga.
22Wabanika izikumkani nezizwe, wabahlulahlula ngokwemida yabo; balihlutha ilizwe lakwaSihon, ilizwe lokumkani waseHeshbhon, kwanelizwe likaOgi ukumkani waseBhashan. 23Wabandisa oonyana babo njengeenkwenkwezi zezulu; wabazìsa kwelo zwe, wàthi kooyise mabaze balihluthe. 24Bangena ke oonyana abo, balihlutha ilizwe elo; wabathoba phambi kwabo abemi belizwe, amaKanan, wawanikela ezandleni zabo, ookumkani bawo nezizwe zelizwe elo, ukuba benze kuzo ngokuzithandela kwabo. 25Bayithimba imizi enqatyisiweyo, nomhlaba otyebileyo; bahlutha izindlu zizele zizinto zonke ezintle, amaqula ambiweyo, nezidiliya, nezinquma, nemithi edliwayo yamininzi. Badla, bahlútha, batyeba, baziyolisa ngokulunga kwakho okukhulu.
26Besuka baphika, bagwilika kuwe, umyalelo wakho bawuphosela emva komhlana wabo, bababulala abaprofeti bakho ababengqina kubo, ukuba bababuyisele kuwe; bakugiba kakhulu. 27Wabanikela ezandleni zababandezeli babo, bababandezela. Ngexesha lokubandezelwa kwabo bakhala kuwe; wena weva usemazulwini, wabanika abasindisi ngokweemfesane zakho ezinkulu, babasindisa ezandleni zababandezeli babo. 28Bakuba nokuphumla, babuya benza okubi phambi kwakho, wabashiya ezandleni zeentshaba zabo, zabanyathela. Babuya bakhala kuwe; wena weva usemazulwini, wabahlangula ngokweemfesane zakho amaxesha amaninzi. 29Wangqina ngabo, ukuba ubabùyisele emyalelweni wakho; ke bona bakhukhumala, abayiphulaphula imithetho yakho; amasiko akho bóna kuwo, awothi umntu owenzayo aphile ngawo; bamangala negxalaba, bazenza lukhuni iintamo zabo, abaphulaphula.
30Wabathwala iminyaka emininzi, wangqina ngabo ngoMoya wakho, ngabaprofeti bakho; àbakubekela ndlebe; wabanikela ke ezandleni zezizwe zamazwe. 31Ke ngeemfesane zakho ezinkulu akubagqibanga kuphele, akubashiyanga; ngokuba unguThixo onobabalo, nemfesane.
32Kaloku, Thixo wethu, Thixo omkhulu, oligorha, owoyikekayo, ogcina umnqophiso nenceba, mayingabi ncinane phambi kwakho yonke indiniso esiyifumeneyo thina, nookumkani bethu, nabathetheli bethu, nababingeleli bethu, nabaprofeti bethu, noobawo, nabantu bakho bonke, kususela kwimihla yookumkani baseAsiriya, kude kube yile mini. 33Ùlilungisa entweni yonke esifikeleyo; ngokuba wena wenzé inyaniso, ke thina senzé okungendawo. 34Ookumkani bethu, nabathetheli bethu, nababingeleli bethu, noobawo, abawenzanga umyalelo wakho, abazibazanga iindlebe emithethweni yakho, nasezingqinweni zakho, owangqina ngazo ngabo. 35Bòna, ebukumkanini babo, ekulungeni kwakho okukhulu owabanikayo, ezweni elibanzi, elityebileyo, owabanikayo, àbakukhonzanga, ababuyanga ezenzweni zabo ezibi.
36Yabona, singabakhonzi namhla; nelizwe owalinika oobawo, ukuba sidle iziqhamo zalo nokulunga kwalo, nanku singabakhonzi kulo. 37Ungeniselo lwalo lilwandisela ookumkani, owabamisa phezu kwethu ngenxa yezono zethu; bayayilawula imizimba yethu neenkomo zethu, ngokuzithandela kwabo; sisembandezelweni enkulu. 38Ngezo zinto zonke senza umnqophiso wenene, sawubhala; bawutywina abathetheli bethu, nabaLevi bethu, nababingeleli bethu.

Currently Selected:

UNEHEMIYA 9: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena