INUMERI 4
4
Iimfanelo zabaLevi eluhambeni
1Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi, 2Libale inani loonyana bakaKehati abaphakathi koonyana bakaLevi ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, 3uthabathele kominyaka imashumi mathathu ezelwe, unyuse, use kominyaka imashumi mahlanu ezelwe: labo bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba benze umsebenzi enteteni yokuhlangana.
4Nguwo lo umsebenzi woonyana bakaKehati ententeni yokuhlangana wengcwele kangcwele: 5ekundulukeni komkhosi eminqubeni bongena ooAron noonyana bakhe, bawuthule umkhusane osisisitheliso, bayigubungele ngawo ityeya yesingqino. 6Bobeka phezu kwawo isigubungelo sezikhumba zamahlengezi batwabulule ngaphezulu ingubo ebala limsi liphela, bazifake izibonda zawo.
7Ize batwabulule ingubo ebala limsi phezu kwetafile yezonka zokubonisa, babeke phezu kwayo izitya, neenkamba, namathunga, neendebe zokuthululwa, nezonka zamaxhesha onke, zibe phezu kwayo. 8Botwabulula phezu kwazo ingubo ebomvu, bagubungele ngesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, bafake izibonda zayo.
9Bothabatha ingubo ebala limsi, bagubungele isiphatho sezikhanyiso nezibane zaso, nezifinyiso zaso, neenkamba zaso, nazo zonke izitya zeoli zaso abasilungiselela ngazo; 10basibeke nempahla yaso yonke esigubungelweni sezikhumba zamahlengezi, basibeke ethaleni.
11Ize batwabulule phezu kwesibingelelo segolide ingubo ebala limsi, bayigubungele ngesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, bafake izibonda zaso. 12Bothabatha yonke impahla yokulungiselela, abalungiselela ngayo engcweleni, bayibeke engutyeni ebala limsi, bayigubungele ngesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, bayibeke ethaleni.
13Boluwola uthuthu lwesibingelelo, batwabulule phezu kwaso ingubo emfusa; 14bazibeke phezu kwayo zonke iimpahla zaso, abalungiselela ngazo kuso: iingcedevu zamalahle, neefolokhwe, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, zonke iimpahla zesibingelelo, batwabulule phezu kwazo isigubungelo sezikhumba zamahlengezi, bafake izibonda zaso; 15bagqibe ooAron noonyana bakhe ukuyigubungela ingcwele nempahla yonke yengcwele ekundulukeni komkhosi eminqubeni.
Emveni koko ke boza kuthwala oonyana bakaKehati; bangayichukumisi ingcwele, hleze bafe. Nguwo lowo umthwalo woonyana bakaKehati ententeni yokuhlangana.
16Isigxina sikaElazare, unyana ka-Aron, umbingeleli, kukugcina ioli yesikhanyiso, nesiqhumiso esimnandi, nomnikelo wokudla wamaxesha onke, neoli yokuthambisa, uvelelo lomnquba wonke nento yonke ekuwo engcweleni, nasezimpahleni zayo.
17Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi, 18Musani ukusinqumla isizwe esingumzalwana wakwaKehati phakathi kwabaLevi. 19Yenzani le nto kubo, ukuba baphile, bangafi ekusondeleni kwabo engcweleni kangcwele: bongena ooAron noonyana bakhe, babamise elowo emsebenzini wakhe nasemthwalweni wakhe; 20bangangeni bakhangele ingcwele, nangephanyazo eli, hleze bafe.
21Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 22Libale inani loonyana bakaGershon nabo, ngokwezindlu zooyise, ngokwemizalwane yabo, 23bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; wobabala bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.
24Nguwo lo umsebenzi wemizalwane yakwaGershon wokusebenza nokuthwala: 25bothwala amalengalenga omnquba, nentente yokuhlangana, isigubungelo sayo, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi esiphezu kwaso ngaphezulu, nesisitheliso somnyango wentente yokuhlangana, 26namawunduwundu entendelezo, nesisitheliso sokungena kwesango lentendelezo, esemnqubeni nasesibingelelweni ngeenxa zonke, nezintya zawo, nempahla yonke yomsebenzi wabo, nento yonke eyenzelwe ukuba basebenze ngayo. 27Wóba ngokomlomo ka-Aron noonyana bakhe wonke umsebenzi woonyana bakaGershon, ekuthwaleni kwabo konke nasekusebenzeni kwabo konke, nibenze bavelele bakugcine konke ukuthwala kwabo. 28Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaGershon ententeni yokuhlangana. Isigxina sabo soba sesandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
29Oonyana bakaMerari wobabala ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, 30bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; nòbabala bonke abeza kuphuma umkhosi, basebenze ententeni yokuhlangana. 31Siso esi isigxina sokuthwala kwabo, ekusebenzeni kwabo konke ententeni yokuhlangana: iiplanga zomnquba, nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo, 32neentsika zentendelezo ngeenxa zonke, neziseko zazo, nezikhonkwane zazo, nezintya zazo, ngokwempahla yazo yonke, nangokomsebenzi wazo wonke; nizibhale ngamagama iimpahla zesigxina sokuthwala kwabo. 33Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaMerari, ngokomsebenzi wabo wonke ententeni yokuhlangana, esandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
34OoMoses noAron nezikhulu zebandla bababala ke oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, 35bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana. 36Ababalwáyo kubo ngokwemizalwane yabo baba ngamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, anamanci mahlanu. 37Ngabo abo ababalwáyo kwimizalwane yakwaKehati; bonke abo basebenzayo ententeni yokuhlangana, awababalayo uMoses noAron ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.
38Ababalwáyo koonyana bakaGershon ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, 39bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana, 40ababalwáyo kubo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, baba ngamawaka amabini, anamakhulu mathandathu, anamanci mathathu. 41Ngabo abo ababalwáyo kwimizalwane yoonyana bakaGershon, bonke abo basebenzayo ententeni yokuhlangana, awababalayo uMoses noAron ngokomlomo kaYehova.
42Ababalwáyo kwimizalwane yoonyana bakaMerari, ngokwemizalwane yabo, 43ngokwezindlu zooyise, bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana, 44ababalwáyo kubo ngokwemizalwane yabo, baba ngamawaka amathathu, anamakhulu mabini. 45Ngabo abo babalwáyo kwimizalwane yoonyana bakaMerari, awababalayo uMoses noAron ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.
46Bonke ke ababalwáyo, awababalayo uMoses noAron nezikhulu zakwaSirayeli, kubaLevi ngokwemizalwane yabo, 47ngokwezindlu zooyise, bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bonke abo baza kusebenza imisebenzi ngemisebenzi, nomsebenzi wokuthwala ententeni yokuhlangana, 48ababalwáyo kubo, baba ngamawaka asibhozo, anamakhulu mahlanu, anamanci asibhozo. 49Babenza bavelela ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses, elowo emsebenzini wakhe, nasemthwalweni wakhe, nasezintweni awozivelela, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
Currently Selected:
INUMERI 4: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: