INUMERI 5
5
Imithetho eyalathisa indlela yokuphathwa kwabayinqambi neyembuyekezo
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, babakhuphe eminqubeni bonke abaneqhenqa, nabo bonke ababhobhozayo, nabo bonke abaziinqambi ngofileyo; 3oyindoda noyinkazana, nobakhuphela phandle kweminquba, bangayenzi inqambi iminquba yabo, endihleli phakathi kwayo. 4Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli, babakhuphela phandle kweminquba; njengoko uYehova wathethayo kuMoses, benjenjalo oonyana bakaSirayeli.
5Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 6Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Indoda nokuba yinkazana, xa bathe benza isono kwizono zonke zoluntu, ngokuthi bameneze kuYehova, yazeka ityala ke loo miphefumlo, 7mabasixele isono sabo abasenzileyo, owonileyo alihlambe ityala lakhe ngangenani lalo, ongeze isahlulo salo sesihlanu kulo, anike lowo anetyala kuye. 8Ukuba umntu lowo uthe akaba namzalwana kungahlawulwa kuye ukuhlamba ityala, ityala elo malihlawulelwe uYehova, kumbingeleli, ngaphandle kwenkunzi yemvu yokucamagusha, aya kucanyagushelwa ngayo. 9Wonke umrhumo weento zonke ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, abawusondezayo kumbingeleli, woba ngowakhe. 10Elowo izinto zakhe ezingcwele zoba zezakhe; elowo into ayinike umbingeleli, yoba yeyakhe.
Ukugwetywa kwemicimbi yobukhwele
11Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 12Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Indoda ngendoda, xa athe umkayo wanxaxha, 13wayimenezelela, kwalala enye indoda naye, kwafihlakala emehlweni endoda yakhe, kwasithela, wazenza inqambi yena, akaba nangqina, akabanjwa; 14yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo, eyinqambi yena; nokuba yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo engeyiyo inqambi: 15indoda leyo mayimzise umkayo kumbingeleli, iwuzise umsondezo wakhe ngenxa yakhe, isahlulo seshumi se-efa• yomgubo werhasi, ingagaleli oli phezu kwawo, ingabeki ntlaka imhlophe phezu kwawo; kuba ngumnikelo wokudla wobukhwele, ngumnikelo wokudla wenkumbuzo, okhumbuza ubugwenxa obo.
16Umbingeleli womsondeza, ammise phambi koYehova, 17athabathe umbingeleli amanzi angcwele ngomphanda, athabathe umbingeleli naseluthulini olusemgangathweni womnquba, alugalele emanzini lawo. 18Umbingeleli wommisa ke umfazi phambi koYehova, amcombulule iinwele loo mfazi, awubeke ezandleni zakhe umnikelo wokudla wenkumbuzo, umnikelo wokudla wobukhwele lowo, abe esesandleni sombingeleli amanzi obukrakra esiqalekiso; 19umbingeleli amfungise, athi kumfazi, Ukuba akuthanga kulale ndoda nawe, nokuba akuthanga unxaxhele ebunqambini, únendoda yakho, yiba msulwa kula manzi obukrakra esiqalekiso. 20Ke wena, xa uthe wanxaxha, únendoda yakho, xa uthe wazenza inqambi, walalwa yenye indoda engeyiyo indoda yakho: 21umbingeli womfungisa umfazi lowo isifungo sokuzishwabulela, athi umbingeleli kumfazi, UYehova makakwenze isishwabulo, nesithuko phakathi kwabantu bakowenu, ngokuthi uYehova alintshwenyise ithangá lakho, asidumbise isisu sakho; 22angene la manzi esiqalekiso embilinini wakho, akudumbise isisu, akuntshwenyise ithangá. Wóthi loo mfazi, Amen, amen.
23Makazibhale ezo zishwabulo umbingeleli encwadini, azicime ngaloo manzi obukrakra, 24amseze umfazi amanzi obukrakra esiqalekiso, angene kuye amanzi esiqalekiso abe bubukrakra. 25Wowuthabatha umbingeleli esandleni somfazi umnikelo wokudla wobukhwele, awutshangatshangise umnikelo wokudla phambi koYehova, amsondeze esibingelelweni; 26asube umbingeleli emnikelweni wokudla isikhumbuzo sawo, aqhumisele ngaso esibingelelweni, emveni koko amseze umfazi amanzi lawo. 27Emsezile amanzi lawo, kothi ukuba ubezenzé inqambi, wayimenezela indoda yakhe, angene kuye amanzi esiqalekiso abe bubukrakra, sidumbe isisu sakhe, lintshwenye ithangá lakhe, lo mfazi abe sisishwabulo phakathi kwabantu bakowabo. 28Ke ukuba lo mfazi ubengàthanga azenze nqambi, uhlambulukile yena; woba msulwa, amithe.
29Nguwo lowo umyalelo wobukhwele bokunxaxha komfazi enendoda yakhe, 30wazenza inqambi; nokuba indoda ithe yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo, yammisa umfazi phambi koYehova, umbingeleli wawenza kuye wonke lo myalelo. 31Yoba msulwa ke indoda yakhe kobo bugwenxa, loo mfazi abuthwale obo bugwenxa bakhe.
Currently Selected:
INUMERI 5: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: