IINDUMISO 1

1
Ukuthelekiswa kwamalungisa nabangendawo
1Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo,
Ongemiyo endleleni yaboni,
Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki!
2Yena unonelela umyalelo kaYehova;
Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku:
3Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi,
Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo,
Ogqabi lawo lingabuniyo;
Konke akwenzayo kophumelela.
4Àbanjalo abangendawo;
Bòna banjengomququ ophetshethwa ngumoya.
5Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni,
Naboni ebandleni lamalungisa.
6Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa;
Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka.

Currently Selected:

IINDUMISO 1: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena