IINDUMISO 100

100
Mkhonzeni uYehova nivuya
Umhobe wombingelelo wokubulela.
1Dumani kuYehova, nonke hlabathi.
2Mkhonzeni uYehova nivuya;
Yizani phambi kwakhe nimemelela.
3Yazini ukuba uYehova nguThixo yena;
Wasenza yena, àsisithi;
Sìngabantu bakhe nezimvu ezalùswa nguye.
4Ngenani emasangweni akhe nibulela,
Ezintendelezweni zakhe nidumisa;
Bulelani kuye, bongani igama lakhe.
5Ngokuba uYehova ulungile,
Inceba yakhe ingunaphakade,
Ukunyaniseka kwakhe kukwizizukulwana ngezizukulwana.

Currently Selected:

IINDUMISO 100: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena