IINDUMISO 99
99
Umbongo kuThixo
1UYehova nguKumkani, ziyagungqa izizwe;
Ulohlala ekerubhini,• liyashukuma ihlabathi.
2UYehova mkhulu eZiyon;
Uphakamile ngaphezu kwezizwe zonke.
3Baya kulibulela igama lakho elikhulu eloyikekayo;
Ngokuba úngcwele yena.
4Amandla okumkani athanda okusesikweni;
Ùwazimasile wena ngokuthe tye;
Wenzé okusesikweni nobulungisa kwaYakobi wena.
5Mphakamiseni uYehova, uThixo wethu,
Niqubude esitulweni seenyawo zakhe;
Ngokuba úngcwele yena.
6OoMoses noAron phakathi kwababingeleli bakhe,
NoSamuweli phakathi kwabalinqulayo igama lakhe,
Baye bebiza kuYehova, wabaphendula yena.
7Wathetha kubo esemqulwini welifu;
Bazigcina izingqino zakhe,
Nommiselo awabanika wona.
8Yehova, Thixo wethu, wabaphendula wena,
Waba nguThixo oxolelayo kubo,
Ongoziphindezelayo iintlondi zabo.
9Mphakamiseni uYehova, uThixo wethu,
Niqubude entabeni yakhe engcwele;
Ngokuba ungcwele uYehova uThixo wethu.
Currently Selected:
IINDUMISO 99: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.