IINDUMISO 123

123
Ukumlindela uThixo ngethemba
Ingoma yezinyuko.
1Ulohlala emazulwini,
Ndiwaphakamisela kuwe amehlo am.
2Uyabona, njengokuba amehlo abakhonzi
Emi kwisandla seenkosi zabo;
Njengokuba amehlo omkhonzazana
Emi kwisandla senkosikazi yakhe:
Ngokunjalo amehlo ethu akuYehova, uThixo wethu,
Ade asibabale.
3Síbabale, Yehova, sibabale,
Ngokuba sànele kakhulu kukudelwa.
4Umphefumlo wethu wanele kakhulu
Kukugculela kwabangakhathalele bani,
Nokudela kwabanekratshi.

Currently Selected:

IINDUMISO 123: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena