IINDUMISO 140
140
Umthandazo wokucela ukukhuselwa elugonyamelweni
Kumongameli. Umhobe kaDavide.
1Ndíhlangule, Yehova, esintwini esinobubi,
Ndílondoloze emntwini ogonyamelayo,
2Abacinga okubi entliziyweni.
Imihla yonke baxhaya imfazwe.
3Balola ulwimi lwabo njengenyoka;
Ubuhlungu berhamba busemlonyeni wabo. (Phakamisani.)
4Ndígcine, Yehova, ezandleni zongendawo,
Ndílondoloze emntwini ogonyamelayo,
Abacinga ukuzikhubekisa iinyawo zam.
5Abanekratshi bandiqhushekéle isibatha nezintya,
Baneké umnatha ecaleni kwendlela,
Bandithiyéle ngemigibe. (Phakamisani.)
6Ndithi kuYehova, ÙnguThixo wam;
Beka indlebe, Yehova, elizwini lesikhungo sam.
7Yehova, Nkosi yam, nqaba endisindisayo,
Ùyigqubuthèle intloko yam ngemini yeduli.
8Musa ukumnika, Yehova, ongendawo iminqweno yakhe;
Musa ukuwuphumelelisa umnkqangiyelo wakhe,
Hleze aziphakamise. (Phakamisani.)
9Yona intloko yabandingqingayo,
Ububi bomlomo wabo mabubagubungele.
10Mabathotyelwe amalahle avuthayo;
Makabawise emlilweni, emimbithini, bangabi saphuma.
11Indoda enolwimi mayingazinzi ehlabathini;
Indoda enokugonyamela, ububi mabuyizingele ngembembetshane.
12Ndiyazi ukuba uYehova uya kulifeza
Ityala losizana, ibango lamahlwempu.
13Inene, amalungisa aya kubulela kwigama lakho;
Baya kuhlala ebusweni bakho abathe tye.
Currently Selected:
IINDUMISO 140: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.