IINDUMISO 144
144
Umthandazo wokucela ukuhlangulwa; inkcazo yesizwe esonwabileyo
EkaDavide.
1Makabongwe uYehova, uliwa lam,
Ulofundisa izandla zam ukulwa,
Iminwe yam imfazwe.
2Unceba yam, umboniselo yam,
Ungxonde yam, umsindisi wam, mna lo;
Ungweletshetshe yam, undizímela ngaye;
Ulonyathelela abantu bam phantsi kwam.
3Yehova, úyintoni na umntu, le nto umaziyo?
Unyana womfo, le nto umnyamekelayo?
4Umntu lo ufana nomphunga,
Imihla yakhe injengethunzi elidlulayo.
5Yehova, thoba amazulu akho, uhle;
Phatha ezintabeni, ziqhume.
6Banekisa imibane, uziphangalalise;
Thuma iintolo zakho, uziduba-dube.
7Thuma izandla zakho, zivele phezulu;
Ndírhole, ndíhlangule emanzini amakhulu,
Esandleni soonyana bolunye uhlanga;
8Abamlomo uthetha inkohlakalo,
Abasandla sokunene sisesokunene sobuxoki.
9Thixo, ndokuvumela ingoma entsha,
Ndikubethele umrhubhe ontambo zilishumi;
10Ulonika ookumkani usindiso,
Ulohlangula uDavide umkhonzi wakhe ekreleni elinobubi.
11Ndírhole, ndíhlangule esandleni soonyana bolunye uhlanga,
Abamlomo uthetha inkohlakalo,
Abasandla sokunene sisesokunene sobuxoki;
12Baze oonyana bethu babe njengezityalo ezikhulileyo ebutsheni babo;
Iintomni zethu zibe njengeembombo ezivathisiweyo ngeemfakamfele ngokokwakhiwa kwebhotwe;
13Oovimba bethu bazale, bavelise iintlobo ngeentlobo;
Iigusha zethu zizale amawaka, zande ngezigidi emaphandleni ethu;
14Iinkomo zethu zizale,
Kungabikho kungenelwa, kungabikho kuthinjwa,
Kungabikho kuhlahlamba ezitratweni zethu.
15Hayi, uyolo lwabantu ekunjalo kubo!
Hayi, uyolo lwabantu abaThixo unguYehova!
Currently Selected:
IINDUMISO 144: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.