IINDUMISO 145
145
Ubukhulu nokulunga kukaThixo
Eyokudumisa kaDavide.
1Ndiya kukuphakamisa, Thixo wam, wena Kumkani,
Ndilibonge igama lakho ngonaphakade kanaphakade.
2Imihla yonke ndiya kukubonga,
Ndilidumise igama lakho ngonaphakade kanaphakade.
3Mkhulu uYehova, ngowokudunyiswa kakhulu;
Ubukhulu bakhe abunakugocwagocwa.
4Izizukulwana ngezizukulwana, kunconywa izenzo zakho,
Kuxelwe ubugorha bakho.
5Bunobungangamela ubuqaqawuli bendili yakho;
Ngeendawo zakho ezibalulekileyo ndiya kucamngca.
6Bothetha ngamandla ezenzo zakho ezoyikekayo,
Ndibalìse ngobukhulu bakho.
7Bompompoza isikhumbuzo sokulunga kwakho okukhulu,
Bamemelele ngobulungisa bakho.
8Únobabalo nemfesane uYehova,
Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.
9Ulungile uYehova kubo bonke,
Imfesane yakhe ikuzo zonke izenzo zakhe.
10Ziyabulela kuwe, Yehova, zonke izenzo zakho,
Bakubonge abákho benceba;
11Uzuko lobukumkani bakho balutsho,
Bathethe ngobugorha bakho.
12Ukuba babazise oonyana babantu ubugorha bakhe,
Ubuqaqawuli obuhle bobukumkani bakhe.
13Ubukumkani bakho bubukumkani bamaphakade onke,
Nolawulo lwakho lukwizizukulwana ngezizukulwana.
14UYehova ungumxhasi wabo bonke abawayo,
Ngumphakamisi wabo bonke abagobileyo.
15Amehlo eento zonke akhangele kuwe,
Wena ke uzinika ukudla kwazo ngexesha elililo;
16Ùyasivula isandla sakho,
Uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo.
17Úlilungisa uYehova ngeendlela zakhe zonke,
Unenceba ngezenzo zakhe zonke.
18Usondele uYehova kubo bonke abamnqulayo,
Kubo bonke abamnqulayo ngenyaniso.
19Úyayenza into ekholekileyo kwabamoyikayo,
Akuve ukuzibika kwabo, abasindise.
20UYehova ungumgcini wabo bonke abamthandayo,
Abatshabalàlise bonke abangendawo.
21Umlomo wam mawuthethe indumiso kaYehova,
Inyama yonke ilibonge igama lakhe elingcwele ngonaphakade kanaphakade.
Currently Selected:
IINDUMISO 145: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: