IINDUMISO 149
149
USirareli makambonge uYehova
1Haleluya!
Mvumeleni uYehova ingoma entsha,
Indumiso yakhe ebandleni labenceba.
2USirayeli makavuye ngoMenzi wakhe;
Usapho lwaseZiyon malugcobe ngoKumkani walo.
3Mabalidumise igama lakhe beqamba,
Bembethela ingqongqo nohadi.
4Ngokuba uYehova uyakholiswa ngabantu bakhe,
Uyabahombisa abalulamileyo ngoloyiso.
5Mabadlamke benozuko abenceba,
Mabamemelele besezililini zabo.
6Yimibongo kaThixo emqaleni wabo,
Likrele elintlangothi mbini esandleni sabo;
7Ukuze benze impindezelo ezintlangeni,
Izohlwayo ezizweni;
8Bakhonkxe ookumkani bazo ngemixokelelwane,
Nabazukileyo kuzo ngamakhamandela esinyithi;
9Benze kubo isiko elibhaliweyo.
Luzuko olo lwabakhe benceba bonke.
Haleluya!
Currently Selected:
IINDUMISO 149: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.