IINDUMISO 43
43
Umthandazo wethemba lokubuyela etempileni
1Líthethe ityala lam, Thixo, ubambane ngenxa yam nohlanga olungenanceba;
Ndísindise endodeni ekhohlisayo, enobugqwetha.
2Ngokuba ùnguThixo oyinqaba yam; ùndihlambelani na?
Ndihambelani na ngezimnyama zokuzila, ngokuxina kotshaba?
3Thuma ukukhanya kwakho nenyaniso yakho, zindikhaphe,
Zindise entabeni yakho engcwele,
Naseminqubeni yakho.
4Ndoya ke esibingelelweni sikaThixo,
KuThixo wovuyo lwam olugcobayo,
Ndibulèle kuwe ngohadi, Thixo onguThixo wam.
5Kungani na ukuba ùsibekeke, mphefumlo wam?
Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam?
Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye,
Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.
Currently Selected:
IINDUMISO 43: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.