ISITYHILELO 12
12
Umbono womfazi nenamba
1Kwabonakala umqondiso omkhulu emazulwini: umfazi ethiwe wambu ngelanga, inyanga ingaphantsi kweenyawo zakhe, entloko kuye isisithsaba seenkwenkwezi ezilishumi elinambini. 2Uthi emithi akhale, enenimba, ethuthunjelwa ekuzaleni.
3Kwabonakala omnye umqondiso emazulwini: nantso, inamba enkulu ebomvu, ineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, kwiintloko zayo izizithsaba ezisixhenxe. 4Umsila wayo wawurhola isahlulo sesithathu seenkwenkwezi zezulu, waziphosa emhlabeni. Yathi inamba leyo yema phambi komfazi owayeza kuzala, ukuze, xa athe wazala, imdle imgqibe umntwana wakhe. 5Wazala umntwana oyinkwenkwe, oza kuzalúsa zonke iintlanga ngentonga yentsimbi; umntwana wakhe lowo wathiwa xwi, wasiwa kuye uThixo, nakuyo itrone yakhe. 6Wathi umfazi wasabela entlango, apho ikhona indawo ayilungiselwe nguThixo, ukuze bamnqake khona imihla eliwaka elinamakhulu mabini anamanci mathandathu.
7Kwaza kwabakho imfazwe emazulwini, uMikayeli nezithunywa zakhe besilwa nenamba, inamba nezithunywa zayo zisilwa; 8àzaba nakweyisa, kanjalo ayaba safunyanwa indawo yazo emazulwini. 9Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa kunye nayo.
10Ndaza ndeva izwi elikhulu emazulwini lisithi, Ngoku luthe usindiso, namandla, nobukumkani, lwaba lolukaThixo wethu, negunya laba lelikaKristu• wakhe; ngokuba ukhahlelwe phantsi ummangaleli wabazalwana bethu, lowo ubamangalelayo emehlweni kaThixo wethu imini nobusuku. 11Bameyisile bona ngenxa yegazi leMvana, nangenxa yelizwi lobungqina babo; abawuthandanga umphefumlo wabo, kwada kwasekufeni. 12Ngenxa yoko yibani nemihlali, nina mazulu, nani ninomnquba kuwo. Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle! ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.
13Yaza yathi inamba, yakubona ukuba iphoswe emhlabeni, yamtshutshisa umfazi ozele umntwana oyinkwenkwe. 14Umfazi wanikwa amaphiko amabini okhozi olukhulu, ukuze aphaphazele aye entlango, endaweni yakhe, apho anqakwa khona ixesha, namaxesha, nesiqingatha sexesha, kùde nobuso benyoka. 15Inyoka yakhupha emva komfazi ngomlomo wayo amanzi anjengomlambo, ukuze imkhukulise nomlambo. 16Umhlaba wamsiza umfazi, wathi umhlaba wawuvula umlomo wawo, wawufinca umlambo eyawukhuphayo inamba ngomlomo wayo. 17Yamqumbela umfazi inamba, yemka yaya kulwa nabaseleyo bembewu yakhe, abo bayigcinayo imithetho kaThixo, abanobungqina bukaYesu Kristu.
Currently Selected:
ISITYHILELO 12: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.