ISITYHILELO 17
17
Umbono wehenyukazi nerhamncwa
1Saza seza esinye sazo izithunywa zezulu zosixhenxe, ezineengqayi zosixhenxe, sathetha nam, sisithi kum, Yiza apha, ndikubonise ukugwetywa kwalo ihenyukazi elikhulu, elihleli phezu kwawo amanzi amaninzi; 2abahenyuzé nalo ookumkani bomhlaba, abo bawumiyo umhlaba, banxiliswa yiwayini yobuhenyu balo.
3Sandísa entlango ndikuMoya; ndabona inkazana ihleli phezu kwerhamncwa elimfusa, lizele ngamagama onyeliso, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi. 4Yaye inkazana leyo ithiwe wambu ngengubo ebomvu nemfusa, ihonjiswe ngegolide, nelitye elinqabileyo, neeperile,• inendebe yegolide esandleni sayo, izele ngamasikizi nezingcoliso zobuhenyu bayo. 5Ebunzi kubhalwe igama elithi, IMFIHLELO, IBHABHELI ENKULU, UNINA WAMAHENYUKAZI NOWAMASIKIZI OMHLABA. 6Ndayibona inkazana leyo inxila ligazi labangcwele, naligazi lamangqina kaYesu. Ndamangaliswa ngokumangaliswa okukhulu ndakuyibona.
7Sathi kum isithunywa sezulu, Umangaliswe yini na? Ndokuxelela mna imfihlelo yenkazana le, neyerhamncwa eli liyithweleyo, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi. 8Irhamncwa owalibonayo laye likho, alikho; liza kunyuka liphume enzonzobileni, limke liye entshabalalweni. Baya kumangaliswa abo bemiyo phezu komhlaba, abamagama angàbhaliweyo encwadini yobomi kuseloko kwaba sekusekweni kwehlabathi, belibona nje irhamncwa elaye likho, elingekhoyo, likho noko.
9Nantsi ingqiqo enobulumko. Iintloko ezisixhenxe ezi ziintaba ezisixhenxe, ehleli phezu kwazo inkazana leyo. 10Kananjalo zona zingookumkani abasixhenxe. Abahlanu báwa, omnye ukho, omnye akakafiki; xa athe wafika, umelwe kukuhlala umzuzwana. 11Irhamncwa elaye likho, elingekhoyo, lona lingowesibhozo okwangowabasixhenxe; 12umka aye entshabalalweni. Iimpondo ezilishumi owazibonayo zingookumkani abalishumi, bona abo bangekamkeli bukumkani, basuka bamkele, njengookumkani, igunya lelixa elinye kunye nerhamncwa. 13Aba banasicamango sinye, babeya kunikela amandla negunya labo kulo irhamncwa. 14Aba baya kwenza imfazwe neMvana. IMvana iya kubeyisa, ngokuba inguNkosi kankosi, inguKumkani kakumkani; baya kweyisa nabo banayo, babiziweyo, banyuliweyo, bathembekileyo.
15Sithi kum, Amanzi owawabonayo, apho lihleli khona ihenyukazi, ngabantu, nezihlwele, neentlanga, neelwimi; 16iimpondo ezilishumi owazibonayo ziserhamncweni, ngabo baya kulithiya ihenyukazi, baliphanzise, balihlube, bayidle inyama yalo, balitshise ngomlilo. 17Kuba uThixo ubeke ezintliziyweni zabo ukwenza ingcinga yakhe, benze ngcinga-nye, babunike irhamncwa ubukumkani babo, ade azaliseke amazwi kaThixo. 18Inkazana owayibonayo nguloo mzi mkhulu, ulawula ookumkani bomhlaba.
Currently Selected:
ISITYHILELO 17: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: