ISITYHILELO 18
18
Ukuwa komzi omkhulu
1Ndaza emva koko ndabona isithunywa sezulu sisihla, siphuma ezulwini, sinegunya elikhulu; umhlaba wakhanyiselwa bubuqaqawuli baso. 2Sadanduluka ngamandla, ngezwi elikhulu, sisithi:
Iwile, iwile iBhabheli enkulu,
Yaba likhaya leedemon, nentolongo yoomoya bonke abangcolileyo,
Nentolongo yeentaka zonke ezingcolileyo, ezithiyekileyo.
3Ngokuba zonke iintlanga zisele kuyo iwayini yomsindo wobuhenyu bayo,
Nookumkani bomhlaba bahenyuza nayo,
Nabarhwebi bomhlaba baba zizityebi, ngamandla okuxhamla kwabo iziyolo zayo.
4Ndeva elinye izwi liphuma emazulwini lisithi:
Phumani kuyo, bantu bam,
Ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo,
Nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo.
5Ngokuba izono zayo ziye zafikelela emazulwini,
Nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo.
6Yibuyekezeni, njengoko nayo yanibuyekezayo,
Niyiphinde impinda ngokwemisebenzi yayo;
Indebe eyaniphithikezela yona, yiphithikezeleni impinda nani.
7Yinikeni intuthumbo nesijwili, ngangoko yazizukisayo, yaxhamla iziyolo.
Ngokuba ithi entliziyweni yayo, Ndihleli ndingukumkanikazi,
Andimhlolokazi, andisayi kubona sijwili.
8Ngenxa yoko ziya kufika ngamininye izibetho zayo,
Ukufa, nesijwili, nendlala.
Iya kutsha ngumlilo,
Ngokuba ligorha iNkosi uThixo, lowo uyigwebayo.
9Ookumkani bomhlaba, abo bahenyuza nayo, baxhamla iziyolo nayo, baya kuyililela,
Bayimbambazelele, bakuwubona umsi wokutsha kwayo;
10Bemi kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo,
Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu Bhabheli, mzi unamandla!
Ngokuba kufike ngaxa linye ukugwetywa kwakho.
11Nabarhwebi bomhlaba baya kulila, benzé isijwili ngenxa yayo,
Ngokuba ingasathengwa bani impahla yabo yomkhombe:
12Impahla yegolide, neyesilivere, neyelitye elinqabileyo, neyeeperile,•
Neyelinen ecikizekileyo, neyeengubo ezibomvu, neyesilika, neyeengubo ezimfusa,
Nomthi wonke ongumsedare,•
Nezitya zonke zeempondo zeendlovu,
Nezitya zonke zomthi onqabileyo kakhulu,
Nezobhedu, nezentsimbi, nezemarmore,•
13Nesinamon,• neziqhumiso, namafutha aqholiweyo, nentlaka emhlophe,
Newayini, neoli, nomgubo ocoliweyo, nengqolowa,
Namaqegu, nezimvu, namahashe, neenqwelo,
Nemizimba nemiphefumlo yabantu.
14Neziqhamo ezikhanukwa ngumphefumlo wakho zimkile kuwe,
Nazo zonke izinto ezityebileyo neziqaqambileyo zimkile kuwe;
Akusayi kuba sazifumana zona.
15Abarhwebi bezo zinto, abo batyeba ngayo,
Baya kuma kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo,
16Belila, besenza isijwili, besithi,
Yeha, yeha, mzi mkhulu
Owawuthiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, nengubo ebomvu, nengubo emfusa,
Uhonjiswe ngegolide, namatye anqabileyo, neeperile!
Ngokuba buphanziswe ngalixa linye ubutyebi obungaka.
17Bonke abaqhubi-mikhombe, nayo yonke indibandiba esezinqanaweni,
Noomateloshe, nabo bonke abasebenza elwandle,
18Bema kude, bamana bedanduluka, bakuwubona umsi wokutsha kwayo,
Besithi, Nguwuphi na ofana nalo mzi mkhulu?
19Bagalela uthuli entloko,
Bamana bedanduluka, belila, besenza isijwili,
Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu,
Apho baba nobutyebi khona bonke aba baneenqanawa elwandle, ngeento ezinqabileyo zawo!
Ngokuba ngalixa linye úphanzisiwe.
20Wénzele imihlali, nina mazulu,
Nani bapostile• bangcwele, nani baprofeti;
Ngokuba uThixo eniphindezelele kuwo.
21Saza isithunywa esithile esinamandla safunqula ilitye, langa lilitye lokusila, ukuba likhulu kwalo; saliphosa elwandle, sisithi:
Iya kwenjiwa nje ke ukugadlelwa kwayo iBhabheli, umzi omkhulu, ingabi saba safunyanwa.
22Isandi sababethi beehadi, neseemvumi, nesabagwali, nesabavuthelimaxilongo, asisayi kuba saviwa kuwe;
Neengcibi zonke zobungcibi bonke azisayi kuba safunyanwa kuwe;
Nesandi selitye lokusila asisayi kuba saviwa kuwe;
23Nokukhanya kwesibane akusayi kuba sakhanya kuwe;
Nezwi lomyeni nelomtshakazi alisayi kuba saviwa kuwe;
Ngokuba abarhwebi bakho bebengamanene omhlaba;
Ngokuba zonke iintlanga zalahlekiswa kukukhafula kwakho.
24Kuwo kwafunyanwa igazi labaprofeti, nelabangcwele,
Nelabo bonke abasikiweyo emhlabeni.
Currently Selected:
ISITYHILELO 18: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: