ISITYHILELO 5
5
Umbono weMvana kaThixo
1Ndabona, esandleni sokunene salowo uhleli etroneni, incwadi ibhalwe ngaphakathi nangaphandle, itywinwe ngamatywina asixhenxe. 2Ndabona isithunywa sezulu esomeleleyo, sivakalisa ngezwi elikhulu, sisithi, Ngubani na ofanele ukuyivula incwadi, nokuwanqika amatywina ayo? 3Akabakho namnye ezulwini, naphezu komhlaba, nangaphantsi komhlaba, unako ukuyivula incwadi, nokuyikhangela oku.
4Ndandilila kakhulu mna, ngokuba kungafunyanwanga namnye ufanele ukuyivula nokuyilesa incwadi, nokuyikhangela oku. 5Yathi enye indoda enkulu kum, Musa ukulila; yabona, iNgonyama yesizwe sakwaYuda, iNgcambu kaDavide, ikweyisile ukuyivula incwadi, nokuwanqika amatywina ayo asixhenxe.
6Ndabona, nantso, esazulwini setrone nesezinto eziphilileyo zone, nasesazulwini samadoda amakhulu, iMvana engathi ixheliwe, imi ineempondo ezisixhenxe, namehlo asixhenxe angooMoya bosixhenxe bakaThixo, abathunyelwe emhlabeni wonke. 7Yeza, yayithabatha incwadi esandleni sokunene salowo uhleli etroneni. 8Yathi yakuyithabatha incwadi, izinto eziphilileyo zoné, namadoda amakhulu angamashumi mabini anamané, awa phambi kweMvana, iyileyo inohadi, nengqayi yegolide izele ziziqhumiso, eziyiyo imithandazo yabangcwele. 9Avuma ingoma entsha, esithi:
Ùfanele ukuyithabatha incwadi, nokuwavula amatywina ayo;
Ngokuba wena waxhelwa, wasithenga ukuba sibe ngabakaThixo ngalo igazi lakho,
Síphuma kuzo zonke izizwe, neelwimi, nabantu, neentlanga;
10Wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo wethu;
Sasiya kuba ngookumkani phezu komhlaba.
11Ndabona, ndeva izwi lezithunywa zezulu ezininzi, zenzé isangqa etroneni, nezinto eziphilileyo, nawo amadoda amakhulu: laye inani lawo lizizigidi zezigidi; 12besithi ngezwi elikhulu:
Kuyifanele iMvana eyaxhelwayo ukwamkela amandla,
Nobutyebi, nobulumko, nokomelela, nembeko, nozuko, nokubongwa.
13Kananjalo zonke izidalwa ezisezulwini, naphezu komhlaba, naphantsi komhlaba, naphezu kolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, ndaziva zisithi:
Kulowo uhleli etroneni, nakuyo iMvana,
Makubekho ukubongwa, nembeko, nozuko, namandla,
Kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
14Izinto eziphilileyo zoné zathi, Amen. Aza amadoda amakhulu aqubuda.
Currently Selected:
ISITYHILELO 5: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: